11 Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.
12 Lowo woyisayo ndiya kumenza intsika yendlu kaThixo wam, angaze ahlukane nayo. Ndiya kulibhala kuye igama likaThixo wam negama lesixeko sikaThixo wam. Ewe, ndixela iJerusalem entsha, leyo izayo, iphuma ezulwini kuThixo wam. Ngokunjalo ndiya kulibhala kuye negama lam elitsha.
13 “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”
14 “Bhalela ummeli webandla laseLawodike, uthi: ‘Nalu udaba oluvela *kuAmen, olingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo. Yena ngumthombo wayo yonke indalo kaThixo.
15 Ndiyasazi isimo sakho: Awubandi, awushushu. Akwaba ubushushu okanye ubanda!
16 Kodwa ke ngenxa yokuba udikidiki, ungeshushu ungabandi, ndiza kukutshica.
17 Uzingca ngokuba usisityebi, umi kakuhle. Uthi awuswele nto. Enyanisweni nakuba ungaqondi nje ungowokusizelwa, impula kalujaca, kuba ulihlwempu, imfama, uzé.