8 Ndiyazazi iindlela zakho. Khangela ndibeke ucango oluvuliweyo phambi kwakho. Akukho bani unako ukuluvala. Ndiyazi ukuba amandlana onawo akangako, kodwa ulithobele ilizwi lam, àkwandikhanyela.
9 Ndiya kwenza le nto ke: Abo baligquba likaSathana, amamenemene azenza amaJuda engengawo, ndiya kubathoba, bakhahlele kuwe, bazi ukuba ndiyakuthanda.
10 Ke ngenxa yokuba uzingisile ekulithobeleni ilizwi lam elikubizela ekunyamezeleni, ndiza kukuhlangula kwishwangusha eliza ehlabathini lize kulinga bonke abantu.
11 Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.
12 Lowo woyisayo ndiya kumenza intsika yendlu kaThixo wam, angaze ahlukane nayo. Ndiya kulibhala kuye igama likaThixo wam negama lesixeko sikaThixo wam. Ewe, ndixela iJerusalem entsha, leyo izayo, iphuma ezulwini kuThixo wam. Ngokunjalo ndiya kulibhala kuye negama lam elitsha.
13 “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”
14 “Bhalela ummeli webandla laseLawodike, uthi: ‘Nalu udaba oluvela *kuAmen, olingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo. Yena ngumthombo wayo yonke indalo kaThixo.