1 Emva koko ndabona izulu livulekile phambi kwam. Ndeva eliya lizwi bendilive lithetha nam, lihlokoma okwexilongo lisithi kum: “Yiza ngapha ndikubonise izinto ezimelwe kukwenzeka emva kwezi.”
2 Ngoko nangoko ndaba semandleni kaMoya. Ndabona apho ezulwini kukho isihlalo sobukhosi.
3 Kwakuhleli kuso ingangalala ekhazimla okwamatye exabiso, akudidi loozidayimani ngokumenyezela, ekuthiwa yijaspa nekorneli ukubizwa kwawo. Isihlalo eso sasinesangqa somnyama owawubengezela nawo oku kwelitye lexabiso eliluhlaza ekuthiwa yiemeraldi ukubizwa kwalo.
4 Kwakukho nezinye izihlalo zithe thande, zingqonge isihlalo sobukhosi, zingamashumi mabini anesine; kukho namadoda amakhulu angamashumi mabini anesine awayethe nqwadalala kwezo zihlalo. Ayethe wambu ezimhlophe iingubo, ethwele izithsaba zegolide.