7 Isilwanyana sokuqala sasifana nengonyama. Esesibini sasinjengenkomo. Esesithathu sasifana nomntu, esesine sinjengokhozi luphaphazela.
8 Isilwanyana ngasinye sasinamaphiko amathandathu, sinamehlo ngapha nangapha. Zazidumisa zingayeki emini nasebusuku, zisithi:“Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele,Nkosi Thixo Somandla,wena ubukade ukho,wena ukhoyo, uya kuhlala ukho!”
9 Lo gama izilwanyana ezine zibongayo, zidumisa, zibulela kulowo unguSonini-nanini uhleli esihlalweni sokulawula,
10 wona amadoda amakhulu angamashumi amabini anesine ayekhahlela, enqula kulowo uhleli esihlalweni, unguSonini-nanini. Ayedanduluka, atsho azibeke nezithsaba zawo phambi kwengangalala, athi:
11 “Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo;imbeko negunya zezakho!Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe;zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”