11 Kwakhona ndakhangela, ndabona izigidi ngezigidi namawaka-waka ezithunywa zezulu! Zazingqonge ibhotwe, nezilwanyana ezine, ngokunjalo namadoda amakhulu.
12 Zazidanduluka zicula zisithi:“IXhwane elabulawayo likufaneleukuba namandla, ubutyebi, nolwazi,ukomelela, isithozela, ubungangamsha, nodumo!”
13 Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,ngonaphakade kanaphakade!”
14 Zavakala izilwanyana zozine zisithi: “*Amen!” Wona amadoda amakhulu athi guqaqa, akhahlela.