6 Ndaza ke ndabona iXhwane limi bhuxe esazulwini sebhotwe. Lalingqongwe zizilwanyana ezine, ngokunjalo nangamadoda amakhulu. IXhwane eli lalibonakala ngathi lagwintwa. Lalineempondo ezisixhenxe, namehlo asixhenxe, angooMoya abasixhenxe bakaThixo abathunyelwe ehlabathini liphela.
7 IXhwane eli laya kulowo wayehleli esihlalweni sokulawula, lafika layithatha incwadi leyo esandleni sakhe sokunene.
8 Lithe iXhwane lakuyithatha incwadi leyo, izilwanyana ezine ndawonye namashumi amabini anesine amadoda amakhulu, asuka ee guqaqa phambi kwalo. Indoda nganye yayinehapu nesitya segolide esizele ziziqhumiso eziyimithandazo yosapho lukaThixo.
9 Ayevuma ingoma entsha, esithi:“Ukufanele wena ukuyithatha incwadi;ukufanele wena ukuluqhaqha uphawu lwayo.Ewe, kaloku wena wabulawa;ngegazi lakho waluthengela uThixo uluntukuzo zonke iintlanga neelwimi,kubantu ngabantu nezizwe ngezizwe.
10 Ubenze ababingeleli basebhotwe,ukuze bakhonze uThixo wethu.Ewe, baya kulilawula nehlabathi.”
11 Kwakhona ndakhangela, ndabona izigidi ngezigidi namawaka-waka ezithunywa zezulu! Zazingqonge ibhotwe, nezilwanyana ezine, ngokunjalo namadoda amakhulu.
12 Zazidanduluka zicula zisithi:“IXhwane elabulawayo likufaneleukuba namandla, ubutyebi, nolwazi,ukomelela, isithozela, ubungangamsha, nodumo!”