8 Lithe iXhwane lakuyithatha incwadi leyo, izilwanyana ezine ndawonye namashumi amabini anesine amadoda amakhulu, asuka ee guqaqa phambi kwalo. Indoda nganye yayinehapu nesitya segolide esizele ziziqhumiso eziyimithandazo yosapho lukaThixo.
9 Ayevuma ingoma entsha, esithi:“Ukufanele wena ukuyithatha incwadi;ukufanele wena ukuluqhaqha uphawu lwayo.Ewe, kaloku wena wabulawa;ngegazi lakho waluthengela uThixo uluntukuzo zonke iintlanga neelwimi,kubantu ngabantu nezizwe ngezizwe.
10 Ubenze ababingeleli basebhotwe,ukuze bakhonze uThixo wethu.Ewe, baya kulilawula nehlabathi.”
11 Kwakhona ndakhangela, ndabona izigidi ngezigidi namawaka-waka ezithunywa zezulu! Zazingqonge ibhotwe, nezilwanyana ezine, ngokunjalo namadoda amakhulu.
12 Zazidanduluka zicula zisithi:“IXhwane elabulawayo likufaneleukuba namandla, ubutyebi, nolwazi,ukomelela, isithozela, ubungangamsha, nodumo!”
13 Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,ngonaphakade kanaphakade!”
14 Zavakala izilwanyana zozine zisithi: “*Amen!” Wona amadoda amakhulu athi guqaqa, akhahlela.