1 Ndalibona ke iXhwane liqhaqha uphawu lokuqala lwaloo macandelo asixhenxe. Ngokunjalo ndasiva esinye sezilwanyana ezine sithetha ngelizwi elizongomayo, sisithi: “Yiz' apha!”
2 Kwaza kwathi gqi ihashe elimhlophe, ophezu kwalo ephethe utolo. Ke kaloku wathiwa jize ngesithsaba. Waphuma noloyiso, wahamba esenza iziqwenga, kuj' ubugodo konke apho ahamba khona.
3 Lithe iXhwane lakuqhaqha uphawu lwesibini, ndeva isilwanyana sesibini sisithi: “Yiz' apha!”
4 Kwathi gqi elinye ihashe, libomvu ngebala. Lowo wayephezu kwalo wanikwa ilungelo lokugxobha-gxobha inzolo ehlabathini liphela, khon' ukuze abantu bagebengane. Yena ke wanikwa ingxavula yekrele.
5 IXhwane lithe lisakuluqhaqha uphawu lwesithathu, ndeva isilwanyana sesithathu sisithi: “Yiz' apha!” Ndithe ndakukhangela ndabona ihashe elimnyama. Lowo wayekhwele kulo wayephethe isikali sokulinganisa, ngesandla.