1 Ke kaloku iXhwane laluqhaqha uphawu lwesixhenxe. Kwathi nzwanga ezulwini isithuba esingangecala leawara enye.
2 Emva koko ndabona izithunywa ezisixhenxe ezima phambi koThixo, zinikwa amaxilongo asixhenxe.
3 Esinye isithunywa esasiphethe isitya sokuqhumisa segolide seza kuma ngaseqongeni lesiqhumiso. Sanikwa isiqhumiso esininzi, ukuze sisinikele kunye nemithandazo yayo yonke imilowo phezu kweqonga legolide elaliphambi kwesihlalo sokulawula.
4 Umsi wenyukela kuThixo kunye nemithandazo yemilowo, isithunywa simenzela isiqhumiso.
5 Isithunywa ke sithathe isitya sesiqhumiso sasizalisa ngomlilo esasiwuthathe eqongeni apho, sasiphosa ezantsi emhlabeni. Ngoko nangoko kwabakho ukugqekreza kweendudumo nokutshawuza kombane, wanyikima umhlaba.