10 Nesesithathu salivuthela elaso ixilongo. Kwathi qithi into enkulu yenkwenkwezi ezulwini, ivutha ililahle. Yawela phezu kwesiqingatha sesithathu semilambo nemithombo.
11 Le nkwenkwezi kwakusithiwa ukubizwa kwayo nguKrakrayo. Saza ke isiqingatha sesithathu sawo onke amanzi saba krakra njengokrakrayo, kwafa inyambalala yabantu ngokuwasela.
12 Salivuthela nesesine isithunywa ixilongo laso. Kwabakho ukugqabhuka kwesiqingatha sesithathu selanga nenyanga neenkwenkwezi, isiqingatha sesithathu sazo asabi nakukhanya. Sathi ke nesiqingatha semini asabi nakukhanya, kwaba njalo nasebusuku.
13 Kuthe kusenjalo ndabona ukhozi luphaphazela phezu kwam. Ndaluva lukhala lusithi: “Yhoo! Yhoo! Yhoo, abantu bomhlaba! Yazi boba yini na zakuvakala izandi zamanye amaxilongo amathathu xa ziwavuthela izithunywa ezithathu!”