10 Imisila yazo yayifana neyoonomadudwane, inolwamvila. Babusemsileni apho ubuhlungu bokuthuthumbisa abantu iinyanga ezintlanu.
11 Inkosi yazo yayisisithunywa sasenzonzobileni. Igama layo lalinguAbhadon ngesiHebhere, uApoliyon ngesiGrike.
12 Lidlule ishwangusha lokuqala. Kodwa aseza amabini.
13 Salivuthela ixilongo laso isithunywa sesithandathu. Ndeva ilizwi livela phakathi kweempondo zeqonga lamadini legolide, elaliphambi kukaThixo.
14 Lathi kwisithunywa sesithandathu esasiphethe ixilongo masizikhulule izithunywa ezine ezazibotshelelwe kumlambokazi iEfrati.
15 Zakhululwa zozine ezo zithunywa ukuba zibulale isiqingatha sesithathu soluntu. Zazihleli zilimiselwe kakade eli thuba, kanye ngalo nyaka nangale nyanga, ngalo mhla kanye nangeli xesha.
16 Ndalixelelwa inani lemikhosi yamahashe. Yayingamakhulu amabini ezigidi.