7 Nize niqaphele ke ukuba ngâbo bakholwayo abayinzala ka-Abraham ngenene.
8 IziBhalo zona kwangaphambili zakuphawula ukuba uThixo wozenza amalungisa iintlanga ngokukholwa. Zazivakalisa iindaba ezimnandi kuAbraham zisithi: “Ngawe uya kuzithamsanqelisa zonke iintlanga uThixo.”
9 Wakholwa ke uAbraham, waza uThixo wamthamsanqelisa. Ngokunjalo ke bonke abakholwayo banenxaxheba kwintsikelelo ka-Abraham.
10 Kanti ke abo bakholose ngokuthobela umthetho baqalekisiwe. Kaloku iziBhalo zithi: “Uqalekisiwe nguThixo lowo ungakuzondeleliyo ukuzithobela zonke iindawo ezisencwadini yomthetho!”
11 Kuyaqondakala ke ukuba akukho mntu ugwetyelwa nguThixo ngenxa yomthetho; kuba zithi iziBhalo: “Uya kudla ubomi lowo wenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa.”
12 Kambe ke wona umthetho awuthethi nto ngokholo. Koko, njengoko neziBhalo zisitsho: “Lowo uzalisekisa zonke iindawo zomthetho wophila ngawo.”
13 Kodwa ke uKrestu wasikhulula ekuqalekisweni okuza ngomthetho, ngokuthi yena aqalekiswe endaweni yethu. Kaloku zithi iziBhalo: “Uqalekisiwe nguThixo nabani na obulawa ngokuxhonywa emthini!”