1 Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.
2 Abantu bamandulo bagqwesa ngenxa yokuthembela kwabo kuThixo.
3 Ngokholo siyaqonda ukuba indalo yavela ngelizwi likaThixo, zaza izinto ezibonakalayo zabakho kungekho nto ibonakalayo adala ngayo.
4 Ngokholo lagqwesa kuThixo elika-Abheli idini kunelikaKayin. Ngokholo uAbheli wamkelwa nguThixo waba lilungisa, kuba uThixo ngokwakhe wakholiswa ngumnikelo wakhe. Ngako ukukholwa kwakhe ke, naxa afileyo nje uAbheli, usathetha.