5 Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram;* igama lakho liya kuba nguAbraham,* ngokuba ndikwenzé uyise wengxokolo yeentlanga;
6 ndiya kukuqhamisa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;
7 ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;
8 ndílinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.
9 Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.
10 Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yalùswe; nalùswe inyama yokwalùswa;
11 oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.