6 Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha* ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.
7 Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.
8 Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.
9 Athi kuye, Úphi na uSara umkakho?
10 Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo.
11 Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi.
12 USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?