23 Wathi uYosefu ebantwini, Yabonani, namhla nina nomhlaba wenu ndinithengele uFaro; nantsi ke imbewu yenu, hlwayelani umhlaba.
24 Nòthi kwinto eniyizuzileyo, nimnike uFaro esesihlanu isahlulo, eziné izahlulo zibe zezenu, zibe yimbewu yentsimi, nezokudliwa nini nangabasezindlwini zenu, nezokudliwa lusapho lwenu.
25 Bathi, Ùsisindisile; mayisibabale inkosi yam, soba ngabakhonzi kuFaro.
26 UYosefu wayimisa loo nto yaba ngummiselo unanamhla phezu komhlaba waseYiputa, ukuba esesihlanu isahlulo sibe sesikaFaro; ngumhlaba wababingeleli wodwa ongabanga ngokaFaro.
27 Wahlala uSirayeli ezweni laseYiputa, ezweni laseGoshen; baqiniseka ukuma khona, baqhama, banda kunene.
28 UYakobi wadla ubomi ezweni laseYiputa iminyaka elishumi elinesixhenxe; imihla kaYakobi, iminyaka yobudala bakhe, yaba yiminyaka elikhulu elinamanci amané, aneminyaka esixhenxe.
29 Yasondela imihla kaSirayeli yokuba afe; wabiza unyana wakhe uYosefu, wathi kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, khawubeke isandla sakho phantsi kwethangá lam, undenzele inceba nenyaniso. Uze ungakhe undingcwabe eYiputa.