14 Yabonani ke, ethe yena lo wazala unyana, othe wazibona zonke izono zikayise azenzayo, abone ke, angènjenjalo;
15 angadleli ezintabeni, amehlo akhe angawaphakamiseli kwizigodo zendlu kaSirayeli, umfazi wommelwane wakhe angamenzi inqambi;
16 angamxinzeleli phantsi umntu, angabambisi ngesibambiso, angaxhakamfuli; isonka sakhe asinike olambileyo, amgubungele ozé ngengubo;
17 abuyise isandla sakhe kolusizana; angadli abanye ngemali, angathabathi nzala yamboleko, wenza ngokwamasiko am, uhamba ngemimiselo yam: lowo unyana akayi kufa ngobugwenxa bukayise; inene uya kuphila.
18 Uyise yena, ngokokuba ecudisile kakubi, exhakamfula umzalwana, wenza okungalungileyo phakathi kwabantu bakowabo, yabonani, uya kufa ngobugwenxa bakhe.
19 Ukanti nìthi ke, Kungàthuba lini na ukuba unyana angabuthwali ubugwenxa bukayise? Unyana kaloku wenzé ngokwesiko nangobulungisa; uyigcinile yonke imimiselo yam, wayenza; inene, uya kuphila.
20 Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.