3 Wangena ke ngaphakathi, walinganisa intsika yomnyango; yaziikubhite ezimbini, nomnyango wazikubhite ezintandathu ukuphakama, ububanzi bomnyango baziikubhite ezisixhenxe.
4 Wabulinganisa ubude bayo, baziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baziikubhite ezimashumi mabini, wabhekisa etempileni; wathi kum, Yingcwele kangcwele le.
5 Walulinganisa udonga lwendlu, lwaziikubhite ezintandathu, ububanzi bendawo yokwayama bazikubhite eziné; yajikeleza ngeenxa zonke endlwini leyo.
6 Amagumbi endawo yokwayama aba mathathu, igumbi phezu kwegumbi, aba mashumi mathathu; aya kufika eludongeni ebeyinalo indlu le, ngasemagumbini endawo yokwayama, eyajikeleza ngeenxa zonke, ukuze abe nokubambeka khona; kodwa angabambeki eludongeni lwayo indlu.
7 Kwaya kúba banzi ukujikeleza, okukhona siya sinyuka isakhiwo ngokwamagumbi endawo yokwayama; ngokuba oko kwayijikeleza indlu le, kwaya kusanda okukhona inyukayo, kuyijikeleza indlu le ngeenxa zonke; ngenxa yoko indlu le yaya iba banzi okunyuka inyukayo; lwaba kwanjalo olungaphantsi udidi, ukunyuka ukuya kolungaphezulu ngokolo lungaphakathi.
8 Ndabona kwasendlwini le indawo ephakamileyo, ejikelezileyo ngeenxa zonke; iziseko zamagumbi endawo yokwayama zaziyingcongolo* epheleyo, ziikubhite ezintandathu, ukuya entlanganweni.
9 Ububanzi bodonga, ebe inabo indawo yokwayama ngaphandle, bebuziikubhite ezintlanu; yaba kwanjalo indawo eshiyekileyo endlwini enamagumbi endawo yokwayama ekule ndlu.