10 Ke kwanabaLevi, abakhweleláyo kude kum, ekundwendweni kwamaSirayeli awandwendwáyo kum, alandela izigodo zawo, aya kubuthwala ubugwenxa bawo.
11 Baya kwanela ukuba ngabalungiseleli engcweleni yam, bengabaveleli bamasango endlu le, belungiselela endlwini le. Abo baya kuxhelela abantu idini elinyukayo nombingelelo, bona beme phambi kwabo, ukuba babalungiselele.
12 Ngenxa enokuba babalungiseleláyo phambi kwezigodo zabo, baba sisikhubekiso sobugwenxa kwindlu kaSirayeli, ngenxa yoko ndibaphakamisele isandla sam, itsho iNkosi uYehova, ukuba babuthwale ubugwenxa babo.
13 Abayi kufika kum, ukuba benzelelele kum, bangafiki kwiingcwele zam zonke, kwingcwele kangcwele yam; baya kuthwala ke ihlazo labo namasikizi abo abawenzileyo.
14 Ndobenza babe ngabagcini besigxina sendlu le ngokwenkonzo yayo yonke, nangokwezinto zonke ezenzelwa kuyo.
15 Ke bona ababingeleli abaLevi, oonyana bakaTsadoki, abasigcináyo isigxina sengcwele yam, ekundwendweni koonyana bakaSirayeli kum, bosondela bona kum, ukuba bandilungiselele, beme phambi kwam, ukuba basondeze kum inqatha negazi; itsho iNkosi uYehova.
16 Bongena bona engcweleni yam, basondele bona esithebeni sam, ukuba bandilungiselele, bagcine isigxina sam.