3 Ekuphumeni komntu obephethe ulutya lokulinganisa ngesandla, esiya ngasempumalanga, walinganisa iwaka leekubhite;* wandiweza emanzini, amanzi abetha emaqatheni.
4 Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha emadolweni. Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha esinqeni.
5 Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.
6 Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu?Wandihambisa, wandibuyisa phezu kodini lomlambo lowo.
7 Ekubuyeni kwam, nanko kukho eludinini lomlambo imithi emininzi kunene, ngapha nangapha.
8 Wathi kum, La manzi aphuma aye kummandla wasempumalanga, ehle aye eArabha, aye elwandle, athi éle elwandle, aphiliswe amanzi alo.
9 Kuye kuthi ke, yonke imiphefumlo ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba efikile khona la manzi, ophiliswa lawa; iphile yonke into ofike kuyo umlambo lowo.