24 Yabona, iindonga zokungqinga zifikile kulo mzi, ukuba ziwuthimbe; umzi ke únikelwe esandleni samaKaledi alwayo nawo ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa. Ilizwi owalithethayo lenzekile; nali ulibona.
25 Ke wena, Nkosi yam Yehova, ùthe kum, Zithengele intsimi ngemali, ungqinise amangqina; wakùbona ukuba umzi lo unikelwe esandleni samaKaledi.
26 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
27 Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?
28 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;
29 ezé amaKaledi alwayo naló mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali* phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.
30 Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.