50 Ke yena uAdoniya ngokoyika uSolomon wasuka waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.
51 Waxelelwa ke uSolomon kwathiwa: “UAdoniya nanko ebambelele ngeempondo zeqonga lamadini kuba esoyika ukumkani uSolomon. Uthi: ‘Ukumkani uSolomon makafunge namhlanje, athembise ukuba akayi kundifaka ikrele andibulale mna sicaka sakhe.’ ”
52 USolomon wathi: “Ukuba ufumaniseke engumfo onyanisekileyo, akayi kuba nawo nowempumlo umkrwelo; kambe ke, ukuba ufumaniseke enobubi, uza kufa.”
53 Ukumkani uSolomon wathumela amadoda, amphuthuma apho eqongeni lamadini uAdoniya. Ke uAdoniya weza wafika wakhahlela apho kukumkani uSolomon. Ke uSolomon wathi kuye: “Kulungile, goduka.”