1 Yookumkani 4 XHO96

Iziphathamandla zikaSolomon

1 Ke kaloku uSolomon wayelawula uSirayeli ewonke jikelele.

2 Nazi izinxiba-mxhaka zakhe:UAzariya unyana kaZadoki – umbingeleli;

3 uElihorefe noAhiya oonyana bakaShisha – oonobhala;uJoshafati unyana ka-Ahiludi – usiba-khulu;

4 uBhenaya unyana kaJoyada – injengele;uZadoki noAbhiyatare – ababingeleli;

5 uAzariya unyana kaNatan – umaqhuzu kubalawuli bezithili;uZabhude unyana kaNatan – umbingeleli nomcebisi kakumkani;

6 uAhisha – umaqhuzu wasebhotwe;uAdoniram unyana ka-Abheda – induna-nkulu yabasebenzi abasebenza ngokunyanzelwa.

7 USolomon ke wayenabalawuli-zithili abalishumi elinambini apho kuSirayeli ephela. Bona ke babexhasa ukumkani nekomkhulu ngokudla. Kunyaka ngamnye isithili sasithatha inyanga yonke sixhasa.

8 Nanga amagama abo:Kumhlaba weenduli zakwaEfrayim yayinguBhen-yuri;

9 eMakaze, eShalabhim, eBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan yayinguBhen-dekere;

10 eArubhati (iSoko nayo yonke imimandla yaseHefere) yayinguBhen-rhesedi;

11 eNafoti-dore yayinguBhen-abhinadabhi, umyeni kaTafati intombi kaSolomon;

12 eTanaki, naseMegido, neBhete-shan xa iyonke malunga neZaretan ngezantsi kweYizereli, ukusuka eBhete-shan ukuya eAbhele-mehola ngaphesheya kweYokemeyam, yayinguBhanaya unyana ka-Ahiludi;

13 eRamoti yaseGiliyadi (leyo yimimandla kaJayire unyana kaManase eGiliyadi ngokunjalo nezithili zaseAgobhi eBhashan nezo zixeko zayo zimashumi mathandathu zikhulu kunene zibiyelweyo, ezinamasango nemivalo yobhedu) yayinguBhen-gebhere;

14 eMahanayim yayinguAhinadabhi unyana kaIdo;

15 kwaNafetali yayinguAhimazi umyeni kaBhasemati intombi kaSolomon;

16 kwa-Ashere naseAloti yayinguBhayana unyana kaHushayi;

17 kwaIsakare yayinguJoshafati unyana kaParuwa;

18 kwaBhenjamin yayinguShimeyi unyana kaEla;

19 eGiliyadi (kuloo mhlaba kaSihon ukumkani wama-Amori, kunye nomhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan) yayinguGebhere unyana kaUri; yena wayeyedwa kweso sithili.

Ukutya kwakomkhulu

20 Ke kaloku abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli babebaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; babonwabile besitya besela.

21 Ke yena uSolomon wazilawula zonke izikumkani ukusukela kumlambo iEfrati ukuya kuthi xhaxhe ngelamaFilistiya, aye kuthi xhaxhe kumda waseJiputa. Xa zizonke ke ezo zizwe zaziphantsi koSolomon, zinikela imirhumo kuye bonke ubomi bakhe.

22 Isixhaso sakwaSolomon semini nganye yayingamawaka amahlanu eelitha zeflawa ecolekileyo, neshumi lamawaka eelitha zomgubo wengqolwa;

23 ishumi leenkabi zeenkomo ezityetyisiweyo, namashumi amabini eenkomo ezondliwa emadlelweni; ikhulu leegusha, ngaphandle kwamanxala namabhadi namanqa neenkuku zodidi.

24 Kaloku uSolomon wayelawula zonke izikumkani ezikwintshona yomlambo iEfrati, ukusuka eTisa ukuya eGaza, kuyinzolo macal' onke.

25 Ngexesha likaSolomon uJuda noSirayeli xa ewonke, ukusuka kwaDan kuye kuthi xhaxhe ngeBheshebha, wayehleli ekhuselekile, umntu ngamnye enesidiliya namakhiwane.

26 USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yamahashe eenqwelo kunye neshumi elinambini lamawaka amahashe.

27 Abalawuli bezithili yayingulowo nalowo enenyanga yakhe, bexhasa ukumkani uSolomon ngokudla okwakutyiwa ngabo bonke abalapho kwisithebe sakomkhulu. Babexhasa kungabikho nto ilambathayo.

28 Kananjalo babezisa isixhaso samahashe eenqwelo nesamanye, basibeke endaweni yaso; leyo ke yayiyihabile kunye nengca.

Ubulumko bukaSolomon

29 UThixo wanika uSolomon ubulumko nengqondo egqithisileyo, nolwazi oluphangaleleyo olungenakulinganiswa oku kwentlabathi yaselunxwemeni.

30 Ubulumko bukaSolomon babugabadele kunobulumko babo bonke abantu basempuma, kananjalo buthe kratya kubulumko bonke bamaJiputa.

31 Ngobulumko wayebagqwesa bonke abantu, kananjalo noEtan umEzra – ethe kratya kunoHeman, uKalkoli, noDarda oonyana bakaMaholi. Udumo lwakhe ngobulumko lwanwenwela kuzo zonke izizwe ezijikelezileyo.

32 Wenza izafobe ezingamawaka amathathu; waqamba iingoma eziliwaka elinesihlanu.

33 Imithi nezityalo wayichaza, esusela kumsedare waseLebhanon, waya kuthi xhaxhe ngehisophu enaba ezindongeni. Wafundisa nangezilwanyana, iintaka, nezilo ezirhubuluzayo, kwaneentlanzi.

34 Ewe, kuSolomon kwakusiza abantu beentlanga zonke, bethunyelwa zizikumkani zehlabathi liphela, ukuze baziphulaphulele ubulumko bakhe obabungundaba-mlonyeni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22