1 Yookumkani 19 XHO96

UEliya ubalekela eHorebhe

1 Ke kaloku uAhabhi waxelela umkakhe uJezebhele ngako konke awayekwenzile uEliya, nendlela ababulele ngayo abashumayeli bakaBhali ebaqhushek' ikrele.

2 Ngoko ke uJezebhele wathumela kuEliya esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba lide lafika ingomso ungekabi njengabo abo bashumayeli bakaBhali.”

3 Akuluva olo daba uEliya woyika, wabaleka, esindisa ubomi bakhe. Uthe akufika eBheshebha kwelakwaJuda, walishiya khona ihlakani lakhe.

4 Ke yena wathatha uhambo lwemini enye, wangena entlango. Wathi ke akufumana umthi wonwele, wahlala phantsi kwawo, wathandazela ukuba afe. Wathi: “Kwanele ngoku, *Ndikhoyo! Buthathe ubomi bam; kuba andilunganga ukugqitha oobawo.”

5 Wasuka ke wangqenqa apho phantsi kwaloo mthi wonwele, wasindwa bubuthongo, walala.Kwabonakala isithunywa sezulu, samshukumisa uEliya, sathi: “Vuka, utye!”

6 Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala.

7 Siphinde sabuya isithunywa sikaNdikhoyo, samshukumisa sathi: “Vuka utye, kuba lude uhambo lwakho.”

8 Wavuka ke, watya wasela. Oko kutya ke kwamomeleza, waza wathatha uhambo lweentsuku ezimashumi mane nobusuku bazo, wada waya kufika eHorebhe, intaba kaThixo.

9 Apho ke wafumana umqolomba, waza walala khona.Ke kaloku uEliya wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”

UNdikhoyo ubonakala kuEliya

10 Ke yena wathi: “Ndenziwe likhwele ngenxa kaNdikhoyo uThixo uSomandla. Kaloku amaSirayeli awukhabile umnqophiso wakho; awadilizile namaqonga akho, nabashumayeli bakho ababulele ngekrele. Ngoku ke sendisele ndodwa; nam ngokwam ke afuna ukundibulala.”

11 UNdikhoyo waphendula wathi: “Hamba uye kuma phezu kwentaba phambi koNdikhoyo, kuba uNdikhoyo uza kudlula khona.”Ke kaloku kwabhudla isitshu somoyakazi omkhulu owaqhaqhambisa amawa, watsho kwacandeka neentaba; ukanti ke yena uNdikhoyo wayengekho apho kuwo. Emva komoya lowo kwabakho inyikima, kanti ke nalapho kuyo wayengekho yena uNdikhoyo.

12 Emva kwaloo nyikima ke kwavela umlilo, ukanti ke nalapho kuwo wayengekho uNdikhoyo. Wakudlula umlilo kwabakho impepho ethi sebe-sebe.

13 Akuyiva ke uEliya wazigquma ubuso ngomnweba wakhe, waphuma wema emnyango apho kuloo mqolomba. Kwavakala ilizwi lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”

14 Ke yena waphendula wathi: “Ndenziwe likhwele ngenxa kaNdikhoyo uThixo uSomandla. Kaloku amaSirayeli awukhabile umnqophiso wakho; awadilizile amaqonga akho; nabashumayeli bakho ababulele ngekrele. Ngoku ke sendisele ndodwa. Nam ngokwam ke afuna ukundibulala.”

15 UNdikhoyo ke wathi kuye: “Hamba ubuyele apho ubuvela khona, uye kwintlango yaseDamasko. Wakufika khona ke uze uthambise uHazayeli abe ngukumkani wama-Aram.

16 Kwakhona uze uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani wamaSirayeli; kananjalo uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhele-mehola, ukuze abe *ngumshumayeli emva kwakho.

17 UYehu uya kubabulala bonke abasinde kwikrele likaHazayeli, aze yena uElisha ababulale abo basinde kwikrele likaYehu.

18 Kambe ke kwaSirayeli apha ndozigcinela loo mawaka asixhenxe abantu abamadolo angazange aguqe kuBhali, nabamilomo ingazange iwange umfanekiso wakhe.”

Ukubizwa kukaElisha

19 Ngoko ke uEliya waphuma apho, waza wadibana naye uElisha unyana kaShafati. Wayelima ngezipani ezilishumi elinambini, isipani ngasinye sineenkabi ezimbini, inguye ngokwakhe oqhuba esi seshumi elinambini. UEliya waya kuye ngqo, wafika wamambathisa ngomnweba wakhe.

20 Ke uElisha wazishiya iinkabi ezo, waza wabaleka emva koEliya. Wathi kuye: “Makhe ndiye kwanga utata nomama kuqala, ukuze ke ndihambe nawe.”UEliya waphendula wathi: “Hamba kaloku; andikuthinteli nganto.”

21 Ngoko ke uElisha wamshiya wagoduka. Wathatha iinkabi ezimbini, wazixhela, wayipheka inyama yazo, ebase ngedyokhwe yazo, inyama leyo wayinika abantu, bayitya. Ke yena wemka walandela uEliya, waba lihlakani lakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22