1 Yookumkani 10 XHO96

Ukumkanikazi waseShebha

1 Uthe ke ukumkanikazi waseShebha akuva ngodumo lukaSolomon nokusondela kwakhe kwigama *likaNdikhoyo, weza kumvavanya ngemibuzo enzima.

2 Wafika ke eJerusalem enehlokondiba lamaphakathi negquba leenkamela, zithwele izinongo, nento eninzi yegolide, namatye axabisekileyo, waza waya kuSolomon, wathetha naye ngazo zonke izinto ezazisengqondweni yakhe.

3 Ke uSolomon wayiphendula yonke imibuzo yakhe; ayikho into eyamxakayo ukumkani kwiingcaciso awayezifuna.

4 Ukumkanikazi waseShebha akububona bonke ubulumko bukaSolomon, ebona nelo bhotwe wayelakhile,

5 nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.

6 Wathi kukumkani: “Ingxelo endiyive kwelakowethu mayela nempumelelo yakho ndawonye nobulumko bakho kuthe kanti yinyani.

7 Kambe ke zange ndizikholelwe ezi zinto de ndazibonela ngala wam amehlo. Ngenene andixelelwanga nesiqingatha esi ngawe. Mayela nobulumko nobutyebi wena ukude lee kwingxelo endandiyifumene.

8 Anoyolo amadoda akwakho! Anenyweba amaphakathi akho asoloko ekuququzelela esiva nobu bulumko bakho!

9 Makabongwe uNdikhoyo, uThixo wakho, yena ukholisekileyo nguwe, waza wakubeka esihlalweni kwinkundla kaSirayeli. Kaloku uNdikhoyo uSirayeli umthanda ngothando elungaphele ndawo. Yiyo loo nto akwenze ukumkani ukuze uzinzise umthetho nobulungisa.”

10 Ke ukumkanikazi waseShebha wanika uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kweekhilogram ezingamawaka amane, kunye nentaphane yezinongo namatye exabiso. Izinongo awazinikezela apho kukumkani uSolomon zingaphezu kwazo zonke izinongo ezakhe zazuzwa nanini nanini.

11 Iinqanawe zikaHiram zazithwala igolide ziyithatha eOfire, kananjalo nemithwalo yomthi wom-almugi kunye namatye exabiso.

12 Ngalo mthi wom-almugi ke ukumkani wenza iintsika zendlu kaNdikhyo kunye nezo zebhotwe lakhe, waza ngenxalenye yawo wenzela iimvumi iihapu nemirhubhe. Ongako wona ukuba mninzi um-almugi awuzange ukhe uziswe; ukusukela ngoko zange yabakho into enjalo.

13 Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela, nangaphandle kwezipho zakomkhulu. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.

Ubutyebi bukaSolomon

14 Minyaka le ukumkani uSolomon wayefumana igolide ebunzima bukwisithuba samashumi amabini anantathu amawaka eekhilogram,

15 ngaphandle kwengeniso eyayisiza nabarhwebi, nabamashishini, nerhafu yookumkani belama-Arabhu, kananjalo nabalawuli belizwe elo.

16 Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka amakhulu. Ikhaka ngalinye lalityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezisixhenxe.

17 Wenza namakhaka amancinci angamakhulu amathathu, ngalinye kuwo lityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezimbini. Ke ukumkani wawabeka kwibhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon.

18 Ukumkani wenza isihlalo sobukhosi. Sasisikhulu, sihonjiswe ngamabamba eendlovu, sityatyekwe ngegolide yodidi.

19 Esi sihlalo sasinamanqwanqwa okunyuka amathandathu, umva waso ungqukuva phezulu phaya. Macala eso sihlalo sasineendawo zokubeka iingalo, kananjalo kukho nemifanekiso emibini yeengonyama isiphahlile.

20 Kuloo manqwanqwa okunyuka amathandathu kwakumi iingonyama ezilishumi elinambini, zingambini ziphahle inqwanqwa ngalinye. Enjalo yona into yayingazange yenziwa nakubuphi na ubukumkani.

21 Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, ngokunjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.

22 Ukumkani wayeneqela leenqanawe zokurhweba elwandle phaya, ngaphandle kwezo zikaHiram. Zazibuya kanye ngeminyaka emithathu, zifike zithwele igolide, isiliva, amabamba eendlovu, iinkawu, neemfene.

23 Ukumkani uSolomon wayebalasele ngobutyebi nangobulumko kunabo bonke ookumkani behlabathi.

24 Ihlabathi liphela lalifuna amacebiso kuSolomon ukuze live ubulumko abunikwe nguThixo.

25 Minyaka le umntu ngamnye ozayo wayesiza nomrhumo – izinto zesiliva, ezegolide, iminweba, izixhobo, izinongo, amahashe, neemeyile.

26 USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa kunye namahashe. Wayeneenqwelo eziliwaka elinamakhulu amane, enamahashe angamawaka alishumi elinambini, awayewagcina kwizixeko zeenqwelo nakwakhe eJerusalem.

27 Ke ukumkani lo isiliva wayenza yaxhaphaka eJerusalem oku kwamatye, umsedare wamninzi njengomthombe esihlanjeni.

28 USolomon amahashe wayewazuza eJiputa naseKuwe; abarhwebi bakomkhulu babewathenga eKuwe.

29 Inqwelo nganye babeyithenga eJiputa ngexabiso elingamakhulu amathandathu eesiliva, ihashe lona ngekhulu elinamashumi amahlanu. Kananjalo babewathengisa kookumkani bamaHiti nabama-Aram.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22