1 Yookumkani 14 XHO96

Ukusweleka konyana kaJerobhowam

1 Kanye ngelo thuba unyana kaJerobhowam uAbhiya wahlabeka wagula,

2 waza ke uJerobhowam wathetha nomkakhe, wathi: “Khawuzenze mntu wumbi, ukuze ungaqondwa ukuba ungumka-Jerobhowam, uze ke uye eShilo. Khona apho wofika ekhona *umshumayeli uAhiya, lowo wandazisa ukuba ndiza kuba ngukumkani waba bantu.

3 Xa uyayo ke thatha izonka ezilishumi kunye namaqebengwana nendebe enobusi. Ke yena uya kukuxelela ukuba kuza kuthekani na ngale nkwenkwe.”

4 Ngenene ke umka-Jerobhowam wenza njengoko wayeyalelwe nguJerobhowam, waya eShilo kwa-Ahiya.Ke kaloku uAhiya lo wayeselenorhatyazo engaboni kakuhle ngenxa yobudala.

5 Kambe ke *uNdikhoyo wathi kuye: “Unyana kaJerobhowam akaphilanga. Ke umka-Jerobhowam nanko esiza kuwe, eze kukubuza ngoko kugula konyana wakhe. Ke uze umphendule ngolu hlobo. Ekufikeni kwakhe uza kuzenza mntu wumbi.”

6 Ke uAhiya akuziva izingqi zakhe engena emnyango, wabhekisa kuye wathi: “Ngena, umka-Jerobhowam. Kutheni uzenza mntu wumbi nje? Kanti ke ndiphathiswe udaba olubuhlungu ngawe.

7 Yiya umxelele uJerobhowam ukuba uNdikhoyo uThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Ndakuphakamisa ndakukhupha ebantwini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli.

8 Umbuso ndawukrazula kwindlu kaDavide, ndawunikela kuwe. Kambe ke wena awuziphathanga njengesicaka sam uDavide. Yena wayeyithobela imithetho yam, endilandela ngomxhelo wakhe uphela, kuphela esenza oko kundikholisayo.

9 Ke wena ngokwenza izinto ezimbi ubalasele kubo bonke ababengaphambi kwakho. Usuke wazenzela thixo bambi, imifanekiso eyenziwe ngesinyithi. Ngale nto ke undicaphukisile; kaloku wena usuke wandifulathela.

10 “ ‘Ngenxa yale nto ke ndiza kuyizisela isithwakumbe indlu kaJerobhowam. UJerobhowam ndiza kumbulalela yonke into eyindoda kwaSirayeli, okhululekileyo nekhoboka lembala. Indlu kaJerobowam ndoyivuthulula ngokungathi kukutsha komgquba; ewe, ndoyilenca iphele tu.

11 Abendlu kaJerobhowam abafela esixekweni botyiwa zizinja, kanti ke bona abafela emaphandleni baya kuxhwithwa ziintaka. Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.’

12 “Ke wena okokwakho goduka! Uya kuthi usathi cakatha nje esixekweni, ife inkwenkwe leyo.

13 USirayeli ephela uya kuyililela, aze ke ayingcwabe. KwaJerobhowam kuphela kwayo eya kungcwatywa. Kaloku kwindlu kaJerobhowam iphela kukuyo yodwa apho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli athe wafumana into elungileyo.

14 “UNdikhoyo uza kuzivelisela ukumkani oya kulawula kwaSirayeli, oya kuyinqamla iphele indlu kaJerobhowam. Uyabona ke ngoku, ngamaqalela ke lawo!

15 UNdikhoyo uza kuqwakanisa uSirayeli, kube ngathi kukuzama-zama kweengcongolo emanzini. Uza kumncothula uSirayeli kweli lizwe lihle kunene walipha ooyise-mkhulu. Uya kumsarhaza phesheya komlambo iEfrati. Kaloku uNdikhoyo bamcaphukise ngokwenza izibonda ezifanekisa uAshera.

16 Ngenxa yezono azenzileyo uJerobhowam, nangenxa yokuba ewexule noSirayeli, uNdikhoyo uza kumncama uSirayeli.”

17 Ke kaloku umka-Jerobhowam waphakama wemka waya eTirza. Wathi nje ukuba athi cakatha kumnyango wendlu yakhe, yasweleka inkwenkwe leyo.

18 Bayingcwaba, waza wonke uSirayeli walila ngenxa yayo ngokomlomo kaNdikhoyo kwisicaka sakhe umshumayeli uAhiya.

Ukufa kukaJerobhowam

19 Ke kaloku ezinye iziganeko zolawulo lukaJerobhowam, iimfazwe nokuphatha kwake, nâzo kwincwadi yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

20 Walawula iminyaka emashumi mabini anambini, waza waphumla kooyise. Ezihlangwini zakhe ke kwangena unyana wakhe uNadabhi walawula.

URehobhowam ukumkani wakwaJuda

21 Ke kaloku uRehobhowam, unyana kaSolomon, waba ngukumkani kwelakwaJuda. Ukungena kwakhe kwesi sihlalo wayenamashumi amane ananye eminyaka, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eJerusalem, isixeko esanyulwa *nguNdikhoyo ezizweni zonke zakwaSirayeli ukuze lihlale kuso igama lakhe. Unina yayinguNahama engumAmonikazi.

22 Ke kaloku uJuda wona kuNdikhoyo. Ngezono abazenzayo uNdikhoyo bamkhweletisa, waza wakhathazeka nangaphezu kokuba babemcaphukisile ngezenzo zabo ooyise.

23 Kaloku bazimisela iinduli ezithile, namatye akhethiweyo, nezibonda eziyimifanekiso ka-Ashera, kuzo zonke iinduli eziphakamileyo, naphantsi kwayo yonke imithi efukufuku.

24 Bada benza nezibingelelo zamahenyu angamadoda apho kwelo lizwe labo. Kaloku bangena bawenza onke amasikizi awayesenziwa zizizwe awazigxothayo uNdikhoyo phambi kokungena kwamaSirayeli.

25 Kunyaka wesihlanu engukumkani uRehobhowam, iJerusalem yahlaselwa nguShishaki ukumkani waseJiputa.

26 Wabuthimba ubutyebi obabusendlwini kaNdikhoyo, kunye nobo babusebhotwe. Wabutha konke kunye namakhaka egolide awayenziwe nguSolomon.

27 Ngoko ke ukumkani uRehobhowam wenza amakhaka obhedu endaweni yawo, waza wawanikela kwiingqwayi-ngqwayi ezazilinda amasango akomkhulu.

28 Ukumkani xa esiya endlwini kaNdikhoyo aba balindi babewathatha la makhaka, baze ke emva koko bawabuyisele kwindlu yabalindi.

29 Ke kaloku ezinye iziganeko zolawulo lukaRehobhowam, nayo yonke imisebenzi yakhe, zikwincwadi yeembali zookumkani bakwaJuda.

30 Kwabakho uzenge-zenge lwemfazwe phakathi kukaRehobhowam noJerobhowam.

31 Ke kaloku uRehobhowam waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Unina yayinguNahama umAmonikazi. Ezihlangwini zakhe ke kwangena unyana wakhe uAbhiya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22