21 Ke kaloku uRehobhowam, unyana kaSolomon, waba ngukumkani kwelakwaJuda. Ukungena kwakhe kwesi sihlalo wayenamashumi amane ananye eminyaka, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eJerusalem, isixeko esanyulwa *nguNdikhoyo ezizweni zonke zakwaSirayeli ukuze lihlale kuso igama lakhe. Unina yayinguNahama engumAmonikazi.