1 Yookumkani 1 XHO96

UDavide ekwaluphaleni kwakhe

1 Ngoku ke ukumkani uDavide wayeyindoda eyalupheleyo, iminyaka yakhe seyihambile. Wayekhathazwa kukugodola, kuba wayengafudumali noba selefunjelwe ngeengubo ezininzi.

2 Ke kaloku amaphakathi akhe athetha naye athi: “Masikukhangelele intombi nto, mhlekazi, ukuze ikulungiselele ikonge, ilale kufuphi nawe, ufudumale, mhlekazi.”

3 Behla benyuka ke apho kwaSirayeli, bekhangela loo nzwakazi, bada ke bafumana uAbhishagi umShunemikazi. Bamthatha ke, bamzisa apho kukumkani.

4 Intombi le ke yayiyinzwakazi ecikizekileyo. Yamonga ke ukumkani, yamlungiselela, kambe ke yena ukumkani zange ayambathe.

UAdoniya ufuna ubukhosi

5 Ke kaloku uAdoniya, unyana kakumkani, onina yayinguHagiti, wazigqatsa wathi: “Ndiza kuba ngukumkani.” Wazilungiselela iinqwelo namahashe, kananjalo wandulelwa ngamashumi amahlanu amadoda. (

6 Kaloku uyise wayengazanga amngxolise athi kuye: “Uyenzeleni into enje?” Yena wayesalekela uAbhasalom, ibe ke umfo lo eyinzwana.)

7 UAdoniya ke wathetha-thethana noJowabhi unyana kaZeruya, kunye noAbhiyatare owayengumbingeleli, baza ke bona bamxhasa.

8 Ke yena umbingeleli uZadoki, noBhenaya unyana kaJoyada, *nomshumayeli uNatan, noShimeyi, noReyi, kunye noolindikhaya bakaDavide, zange bahambisane noAdoniya.

9 UAdoniya wathatha iigusha neenkomo namathole atyetyisiweyo wenza idini elityeni likaZohelete ngase-En-rogeli. Wabamema bonke abaninawe bakhe, oonyana bakakumkani, nawo onke amadoda akwaJuda angamaphakathi komkhulu.

10 Kodwa ke wabashiya abashumayeli uNatan noBhenaya noolindikhaya kunye nomninawa wakhe uSolomon.

UNatan noBhashebha bathetha noDavide

11 UNatan wabuza kuBhashebha unina kaSolomon wathi: “Uvile nje ukuba uAdoniya ozalwa nguHagiti bamenze ukumkani ngaphandle komhlekazi uDavide?

12 Yiva ke, ndikucebise, ukuze usinde, usindise nobomi bonyana wakho uSolomon.

13 Yiya kukumkani uDavide, uthi kuye: ‘Mhlekazi, kumkani, kanene wawungafunganga kum wathi: “Ngenene unyana wakho uSolomon woba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam”? Ngani ke ngoku kungene uAdoniya abe ngukumkani?’

14 Ke kaloku uya kuthi usathetha njalo nokumkani, nam ndingene ndikungqinele kuloo nto uyithethayo.”

15 Ngenene ke wangena uBhashebha, waya kuyibona ingwevu leyo ingukumkani, isegumbini layo lokulala, apho yayihleli noAbhishagi umShunemikazi eyilungiselela.

16 UBhashebha wavova, waguqa phambi kokumkani.Ukumkani wathi: “Kukho nto na uyifunayo?”

17 Ke kaloku waphendula wathi: “Mhlekazi, andithi kanene nguwe ngokwakho owafungayo apha kum, mna sicakazana sakho, wabhambathisa *ngoNdikhoyo uThixo wakho usithi: ‘USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani esikhundleni sam, angene esihlalweni sam’?

18 Kodwa ke ngoku nanko uAdoniya engukumkani ngaphandle kwakho, mhlekazi kumkani, wena ungazi nto ngaloo nto.

19 Wenze idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, neegusha. Futhi ubamemile noonyana bakho, kunye nombingeleli uAbhiyatare nenjengele yomkhosi uJowabhi. Kambe ke akammemanga uSolomon isicaka sakho.

20 Kambe ke, mhlekazi kumkani, uSirayeli ewonke ujonge kuwe, ulindele ukuva ngawe ukuba ngubani na oza kungena ahlale esikhundleni sakho emva kwakho.

21 Kungenjalo ke, mhlekazi, uya kuthi nje ukuba ufe ulaliswe nooyihlo, mna nonyana wam uSolomon siphathwe njengabangcatshi.”

22 Uthe esathetha nokumkani njalo, wagaleleka umshumayeli uNatan.

23 Waxelelwa ke ukumkani kwathiwa: “Nanku umshumyeli uNatan.” Wangena ke, waya kukumkani, wafika wakhahlela, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.

24 UNatan wathi: “Ngaba nguwe na, mhlekazi kumkani, othe uAdoniya uya kuba ngukumkani emva kwakho, angene esihlalweni sakho?

25 Kaloku namhlanje uye kwenza idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, kunye neegusha. Ubamemile bonke oonyana bakho, iinjengele zomkhosi, nombingeleli uAbhiyatare. Ngoku nâbo besela bemana bedanduluka besithi: ‘Khul' ud' ukhokhobe, kumkani Adoniya!’

26 Phofu ke akammemanga umbingeleli uZadoki, nam sicaka sakho, noBhenaya unyana kaJoyada, kunye noSolomon isicaka sakho.

27 Mhlekazi kumkani, ingaba nguwe lo wenze into enje ungazazisanga izicaka zakho ukuba ngubani na oya kungena ahlale esikhundleni sakho xa ungasekho?”

UDavide umisela uSolomon

28 Ukumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni uBhashebha.” Weza ke, wafika wema phambi kokumkani.

29 Ke kaloku ukumkani wafunga wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo, yena owandihlangulayo kuzo zonke iinkathazo,

30 inene namhlanje ndiza kuyifezekisa into endakufungela yona ngoNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ndisithi: ‘Unyana wakho uSolomon uya kuba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam.’ ”

31 UBhashebha wavova, ejonge phantsi, waguqa phambi kokumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, mhlekazi kumkani Davide!”

32 Ukumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni umbingeleli uZadoki, *nomshumayeli uNatan, noBhenaya unyana kaJoyada.” Bafika ke phambi kokumkani,

33 waza wathi kubo: “Thathani amaphakathi am, unyana wam uSolomon nimkhwelise kwimbongolo yam, niye eGihon,

34 khona apho ke umbingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan bamthambise bammisele abe ngukumkani wakwaSirayeli. Ze nivuthele isigodlo, nidanduluke nithi: ‘Khul' ud' ukhokhobe, kumkani Solomon!’

35 Emva koko ke ze nibuye naye, aze kungena ahlale esihlalweni sam, alawule endaweni yam. Ndimtyumbile ukuba abe ngukumkani kwaSirayeli nakwaJuda.”

36 Ke yena uBhenaya unyana kaJoyada wamphendula ukumkani wathi: “Makube njalo! Ngamana watsho noNdikhoyo uThixo wenkosi yam ukumkani!

37 Njengoko uNdikhoyo wayenenkosi yam ukumkani, ngokunjalo makabe naye uSolomon, ulawulo lwakhe lwande ludlule olwenkosi yam ukumkani uDavide.”

38 Behla ke, umbingeleli uZadoki, umshumayeli uNatan, uBhenaya unyana kaJoyada, nabalindi abangamaKreti namaPleti, uSolomon bemkhwelise kwimbongolo kakumkani uDavide, baya naye eGihon.

39 Ke kaloku umbingeleli uZadoki waluthatha uphondo lwamafutha awayelufumene *esibingelelweni, waza ke wathambisa uSolomon ngaloo mafutha. Bakhalisa isigodlo, baza bonke abantu bakhwaza bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani Solomon!”

40 Loo nginginya yabantu ke yamlandela, ihamba ikhalisa amaxilongo, igcobe kangangokuba isingqi sabo sawunyikimisa umhlaba.

41 UAdoniya nâbo wayebamemile bayiva le ntshukumo, xa kanye baliphethayo itheko labo. Akusiva isandi sesigodlo uJowabhi wabuza wathi: “Ngaba yeyantoni le ngxokolo ivakala esixekweni?”

42 Esabuza njalo kwathi gqi uJonatan unyana wombingeleli uAbhiyatare. UAdoniya wathi: “Ngena! Umntu ohlonipheke njengawe lo unokuba usiphathele iindaba ezimnandi.”

43 UJonatan waphendula wathi kuAdoniya: “Hayi bo! Umhlekazi ukumkani uDavide umisele uSolomon wangukumkani.

44 Ukumkani umkhuphe nombingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan, uBhenaya unyana kaJoyada, nabalindi abangamaKreti namaPleti; bamkhwelise kwimbongolo kakumkani.

45 Ke umbingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan bamthambisele eGihon wangukumkani. Basuke apho benemincili; nangoku ke kusathe nkxwe esixekweni. Loo ntswahla uyivayo ngabo.

46 Ewe, uSolomon selengene esihlalweni phaya ebhotwe.

47 Namaphakathi akomkhulu nango evuyisana nomhlekazi ukumkani uDavide esithi: ‘Ngamana uThixo angalenza labalasela ngaphezu kwelakho igama likaSolomon, nolawulo lwakhe aluqaqambise ngaphezulu!’ Nokumkani ke suka wathelela enqula esemandlalweni wakhe.

48 Ewe, usuke wathi: ‘Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, othe namhlanje wandenzela inyhweba yokuba ndimbone ngawam amehlo lowo uthatha isihlalo esikhundleni sam.’ ”

49 Lakuziva ezi ndaba iqela lika-Adoniya lothuka lachithakala ngoko nangoko.

50 Ke yena uAdoniya ngokoyika uSolomon wasuka waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.

51 Waxelelwa ke uSolomon kwathiwa: “UAdoniya nanko ebambelele ngeempondo zeqonga lamadini kuba esoyika ukumkani uSolomon. Uthi: ‘Ukumkani uSolomon makafunge namhlanje, athembise ukuba akayi kundifaka ikrele andibulale mna sicaka sakhe.’ ”

52 USolomon wathi: “Ukuba ufumaniseke engumfo onyanisekileyo, akayi kuba nawo nowempumlo umkrwelo; kambe ke, ukuba ufumaniseke enobubi, uza kufa.”

53 Ukumkani uSolomon wathumela amadoda, amphuthuma apho eqongeni lamadini uAdoniya. Ke uAdoniya weza wafika wakhahlela apho kukumkani uSolomon. Ke uSolomon wathi kuye: “Kulungile, goduka.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22