1 Yookumkani 15 XHO96

UAbhiya ukumkani wakwaJuda

1 Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam unyana kaNebhati, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda,

2 waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.

3 Naye wathatha ikhondo likayise, wenza kwaezo zono wayezenzile. Zange ayinikezele ngokupheleleyo intliziyo yakhe *kuNdikhoyo uThixo wakhe njengokuba yena uDavide uyise-mkhulu wenjenjalo.

4 Kambe ke ngenxa kaDavide, uNdikhoyo uThixo wakhe wambekela ihlumelo eJerusalem ngokumvelisela unyana wokuthatha indawo yakhe, kananjalo nangokuyizinzisa iJerusalem.

5 Kaloku uDavide yena wayenyanisekile ekuthobeleni uNdikhoyo, engagqwidizi ekwenzeni imithetho kaNdikhoyo ngayo yonke imihla yobomi bakhe, ngaphandle nje kwalaa mbandela kaUriya umHiti.

6 Yaba luzenge-zenge lwemfazwe phakathi kukaRehobhowam noJerobhowam ngayo yonke imihla ka-Abhiya.

7 Ezinye zeziganeko zokulawula kuka-Abhiya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.Kwakusoloko kukho imfazwe phakathi kuka-Abhiya noJerobhowam.

8 Ke uAbhiya waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa kwisixeko sikaDavide, unyana wakhe uAsa wathatha indawo yakhe wangukumkani.

UAsa ukumkani wakwaJuda

9 Ngonyaka wamashumi amabini uJerobhowam elawula kwaSirayeli, ukumkani uAsa waqalisa ukulawula kwaJuda,

10 waza walawula iminyaka emashumi mane nanye. Unina-khulu yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.

11 Ke kaloku uAsa yena waxelisa uyise-mkhulu uDavide, wathobela *uNdikhoyo,

12 wazidenda izibingelelo zamahenyu angamadoda kumhlaba wakhe, wayisusa nemifanekiso ezizithixo eyayenziwe ngooyise.

13 Wamkhiqa unina-khulu uMahaka kwisikhundla sokuba ngukumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika, waza wayitshisa kwintili yeKedron.

14 Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.

15 Wayizisa endlwini kaNdikhoyo isiliva negolide nenye impahla yonqulo, leyo yena noyise babeyenze umnikelo.

16 Ke kaloku kwakusoloko kuyimfazwe phakathi kuka-Asa noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli ngalo lonke ixesha lokulawula kwabo.

17 Ukumkani uBhayesha waya kwaJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.

18 Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayishiyeke koovimba bendlu kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, wayinikezela kumagosa akhe, wayithumela kuBhenadadi unyana kaTabrimon unyana kaHeziyon ukumkani wakwa-Aram owayelawula eDamasko.

19 Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”

20 UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, wayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti iphela, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali.

21 Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wahlehlela eTirza.

22 Ke kaloku ukumkani uAsa wanika umyalelo kuJuda ephela, wathi wonke umntu makathathe loo matye naloo mithi yayisetyenziswa ngoBhayesha engqinga iRama. Ngezo zinto ukumkani uAsa wakha iGebha kwaBhenjamin kunye neMizpa.

23 Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Asa nayo yonke imizabalazo yakhe esebenza esakha nezixeko, nâzo kwincwadi yeembali zookumkani bakwaJuda. Kambe ke wathi akuba mdala waba nesifo seenyawo.

24 Ke uAsa waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa phakathi kwabo kwisixeko sikayise-mkhulu uDavide. UYoshafati unyana wakhe wathatha indawo yakhe wangukumkani.

UNadabhi ukumkani wakwaSirayeli

25 Ke kaloku uNadabhi unyana kaJerobhowam waba ngukumkani kwaSirayeli kunyaka wesibini kakumkani uAsa wakwaJuda. Ke yena walawula iminyaka emibini kwaSirayeli.

26 UNadabhi wamona *uNdikhoyo, wahamba ekhondweni likayise ngeso sono walukuhlela kuso amaSirayeli.

27 UBhayesha unyana ka-Ahiya wendlu kaIsakare wamenzela iyelenqe, waza wambetha wafa eGibheton, idolophu yamaFilistiya, xa yena uNadabhi noSirayeli ephela babeyingqingile.

28 UBhayesha ke wabulala uNadabhi kunyaka wesithathu kakumkani uAsa wakwaJuda, waza ke wangena ezihlangwini zakhe.

29 Uthe akuphatha wayingenela wayibulala yonke indlu kaJerobhowam. Ewe, akashiyanga nalo mnye osaphefumlayo umntu apha kwaJerobhowam. Wabatshabalalisa bonke ngokomlomo kaNdikhoyo ngesicaka sakhe uAhiya waseShilo.

30 Le nto yenzeka kuba uJerobhowam wôna, waza kananjalo walukuhlela uSirayeli esonweni, nto leyo ke yamcaphukisayo uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

31 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaNadabhi nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

32 Ngalo lonke ithuba lolawulo lwabo kwaba soloko kukho imfazwe phakathi kuka-Asa noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli.

UBhayesha ukumkani wakwaSirayeli

33 Ngonyaka wesithathu kakumkani uAsa kwelakwaJuda, uBhayesha unyana ka-Ahiya waba ngukumkani wakwaSirayeli eTirza, waza ke walawula iminyaka emashumi mabini anesine.

34 Ke yena wamona uNdikhoyo, ehamba ekhondweni likaJerobhowam nakweso sono wawalukuhlela kuso amaSirayeli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22