1 Yookumkani 5 XHO96

Amalungiselelo okwakha indlu kaThixo

1 Ke kaloku ukumkani uHiram waseTire akuva ukuba uSolomon uthanjisiwe wangena esikhundleni sikaDavide, wathumela oonozaku-zaku bakhe kuSolomon, kuba kaloku kwakusoloko kukho unxibelelwano lobuhlobo phakathi kwakhe noDavide.

2 Nanku ke umyalezo owathunyelwa nguSolomon kuHiram:

3 “Kaloku nawe uyazi ukuba ngenxa yeemfazwe awazilwa zivela ngenxa zonke ubawo uDavide akazange abe nako ukwakhela igama *likaNdikhoyo uThixo wakhe indlu, de abe uNdikhoyo uzibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba zakhe.

4 Kambe ke ngoku mna uNdikhoyo uThixo wam undithe jize ngenzolo macal' onke; andinazintshaba nazithwakumbe.

5 Ngoko ke ndizimisele ukulakhela indlu igama likaNdikhoyo uThixo wam, njengoko uNdikhoyo watshoyo kubawo uDavide. Kaloku wathi: ‘Ngunyana wakho, endiya kumngenisa esihlalweni sakho, oya kulakhela indlu igama lam.’

6 Ngoko ke wena nceda uyalele ndigawulelwe imisedare eLebhanon. Amadoda am aya kusebenzisana nawakho kulo msebenzi, ndize ke mna amadoda akho ndiwahlawule loo mvuzo uwumisileyo. Kaloku nawe uyazi ukuba abam abasebenzi abanabo ubuchule obunjengobo bamaSidon ekugawuleni imithi.”

7 Akulufumana ke olu daba uHiram wavuya kakhulu, wathi: “Namhlanje makabongwe uNdikhoyo, kuba kaloku uDavide umnike isilumko sonyana ukuze asilawule esi sizwe sikhulu kangaka.”

8 Ke uHiram wathumela kuSolomon esithi: “Umyalezo wakho ndiwufumene, ndaye ke ndiza kwenza njengokuthetha kwakho, ndikugawulele imisedare nemipayini.

9 Amadoda am aya kuyithoba eLebhanon, ayise elwandle, aze ke ayenze iinyanda, ayidadise, ayise kuloo ndawo ufuna ibe kuyo. Aya kuyikhulula ke, uze wena uyithathe umke nayo. Nto oya kuyenza ke wena kukuxhasa ikomkhulu eli ngokutya.”

10 Ngale ndlela ke uHiram waxhasa uSolomon ngayo yonke imisedare nezibonda zompayini awayezifuna.

11 Ke yena uSolomon waxhasa uHiram ngokutya minyaka le: amashumi amabini eetoni zengqolowa, nesine samakhulu amawaka eelitha zamafutha omnquma acwengileyo.

12 Ngokwesithembiso sakhe ke uNdikhoyo uSolomon wamthi jize ngobulumko. Kwabakho uxolo phakathi koHiram noSolomon, baza ke benza umnqophiso.

13 Ukumkani uSolomon wavelisa umsebenzi wonyanzelo kuSirayeli ephela, waza ke wagaya amadoda angamashumi amathathu amawaka.

14 Wawafaka abolekisana ukuya eLebhanon, ngenyanga nganye kuye ishumi lamawaka. Ngoko ke ayeba semsebenzini inyanga yonke, aze ahlale zibe mbini ekhaya. Ingqwayi-ngqwayi yabo basebenzi ke yayinguAdoniram.

15 USolomon wayenamashumi asixhenxe amawaka amadoda okuthwala imithwalo, enamashumi asibhozo amawaka abaqingqi bamatye phaya ezintabeni.

16 Kanti ke wayenamashumi amathathu anantathu amakhulu eenduna ezazivelele loo msebenzi, ziphethe abasebenzi.

17 Ukumkani wabayalela ukuba bembe amatye omeleleyo, bawaqingqe, ukuze ngawo kwenziwe isiseko sendlu kaThixo.

18 Iingcibi zikaSolomon noHiram namadoda aseGebhali zawalungisa zawaqingqa amatye nemithi yokwakha indlu kaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22