1 Yookumkani 2 XHO96

Umyolelo kaDavide

1 Lithe lakufika ixesha lokunduluka kukaDavide emhlabeni, wamyalela unyana wakhe uSolomon wathi:

2 “Mna sendiza kuwushiya umhlaba. Ngoko ke wena yomelela ngokwendoda,

3 ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso *sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo.

4 Ke yena uNdikhoyo wosifezekisa isithembiso sakhe kum. Kaloku yena wathi: ‘Ukuba izizukulwana zakho zithe zaziphatha ngendlela efanelekileyo, zanyaniseka, zathembeka kum ngentliziyo yonke nangomphefumlo wonke, ngenene soze ingabikho indoda yendlu yakho kwisihlalo solawulo lwakwaSirayeli.’

5 “Ngoku ke, mfo wam, uyayazi into awandenza yona uJowabhi unyana kaZeruya, nditsho into awayenzayo kwiinjengele ezimbini zomkhosi kaSirayeli, uAbhinere unyana kaNere noAmasa unyana kaYetere. Kaloku wababulala, waliphalaza igazi labo ngexesha loxolo, kwanga kusemfazweni, wayidyobha ngalo ibhanti eyayisesinqeni sakhe neembadada ezazisezinyaweni zakhe.

6 Into omawuyenze kuye wozibonela ngokobulumko bakho, kodwa uze ungamyeki afe ngenxa yokwaluphala, aze aye engcwabeni enoxolo.

7 “Kodwa ke uze wenze ngezibele koonyana bakaBhazilayi waseGiliyadi. Bona mababe phakathi kwâbo batya kunye nawe esithebeni sakho. Kaloku babengakum ngokuya ndandibaleka umntakwenu uAbhasalom.

8 Uze ungamlibali uShimeyi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhawurim, lowa wandishwabulela endiqalekisa kabuhlungu mhla ndandisiya eMahanayim. Wathi akuhla endihlangabeza eJordan, ndafunga uNdikhoyo ndathi andisayi kumbulala ngekrele.

9 Kodwa ke ngoku uze ungamthathi njengongenatyala. Kaloku wena ungumfo onobulumko, ngoko ke akuyi kuxakwa yinto onokuyenza kuye. Mse engcwabeni izimvi zakhe zinegazi.”

Ukufa kukaDavide

10 Ke kaloku uDavide waya kuphumla kunye nooyise-mkhulu, waza wafihlwa kwisixeko sikaDavide.

11 KwaSirayeli walawula iminyaka engamashumi amane. Yaba yiminyaka esixhenxe eHebron, yangamashumi mathathu anantathu eJerusalem.

12 USolomon ke wangena esihlalweni sikayise uDavide, lwaza ulawulo lwakhe lwazinza.

Ukufa kuka-Adoniya

13 Ke kaloku uAdoniya, unyana kaHagiti, waya kuBhashebha, unina kaSolomon. Ke yena uBhasheba wathi: “Ngaba uza ngoxolo na?”UAdoniya waphendula wathi: “Ewe, ndiza ngoxolo.”

14 Waphinda wathi: “Kukho into endifuna ukuyithetha kuwe.”UBhashebha wathi: “Kulungile; thetha.”

15 Waqhuba uAdoniya wathi: “Njengoko usazi ulawulo yayilolwam, uSirayeli wonke ekhangele kum njengokumkani wakhe. Kodwa izinto zajika, ulawulo lwajika lwawela kumntakwethu uSolomon; nto leyo ke yamiselwa *nguNdikhoyo.

16 Kambe ke ngoku ndinasicelo sinye endifuna ukusenza kuwe; uze uncede ungasikhabi.”UBhashebha waphendula wathi: “Kulungile; thetha ndive.”

17 Waqhuba ke wathi: “Khawuncede uthethe nokumkani uSolomon; akanakwala kuwe. Ndifuna andinike uAbhishagi, intombi yomShunemi, abe ngumfazi wam.”

18 UBhashebha ke wathi: “Kulungile; ndiya kukuthethela kukumkani.”

19 UBhashebha ke waya kukumkani uSolomon, esiya kuthethelela uAdoniya. Akumbona ke ukumkani, waphakama wamhlangabeza, wakhahlela, waza ke wachopha esihlalweni sakhe. Wathi makuziwe nesihlalo, ukuze ahlale kuso unina, waza ke wamhlalisa ngasekunene kwakhe.

20 UBhashebha ke wathi: “Ndinesicelo esinye endifuna ukusenza kuwe; uze ungalanduli.”Ukumkani waphendula wathi: “Thetha, mama; andiyi kulandula.”

21 Waqhuba ke wathi: “Kunganjani xa uAbhishagi umShunemikazi enikelwa kumntakwenu uAdoniya abe ngumkakhe?”

22 Ukumkani uSolomon uphendule unina wathi: “Ngani ukuba uAbhishagi umShunemikazi umfunele uAdoniya? Kungcono umcelele obu bukumkani buphela – andithi kaloku yena ngumkhuluwa – abe yena exhaswa ngumbingeleli uAbhiyatare noJowabhi unyana kaZeruya!”

23 Ukumkani uSolomon wafunga uNdikhoyo wathi: “Makandohlwaye uThixo nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba uAdoniya akafanga ngenxa yeli lizwi.

24 Ewe, ekho nje uNdikhoyo, lo undimiseleyo ndazinza kwisihlalo sikabawo uDavide, yena lo undenzele umlibo ngokwesithembiso sakhe, inene namhlanje uza kufa uAdoniya!”

25 Ke ukumkani uSolomon wayalela uBhenaya unyana kaJoyada, waza wamgwaza uAdoniya, wafa.

Ukugxothwa kuka-Abhiyatare nokufa kukaJowabhi

26 Ukumkani ke wathi kumbingeleli uAbhiyatare: “Wena ke phindela emasimini akho eAnatoti. Ufanelwe kukufa, kambe ke andiyi kukubulala kwangoku, kuba yayithwalwa nguwe ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo ngexesha likabawo uDavide, futhi wawuzithwele kunye nobawo iimbandezelo zakhe.”

27 Ngoko ke uSolomon wamkhiqa uAbhiyatare kububingeleli, ezalisekisa ilizwi awalithethayo uNdikhoyo eShilo malunga nendlu kaEli.

28 Akuziva ezi ndaba uJowabhi – kaloku naye wayekho kwiyelenqe lika-Adoniya, nangona wayengekho kwelika-Abhasalom – suka ke yena wabalekela *esibingelelweni sikaNdikhoyo, waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.

29 Waxelelwa ke uSolomon ukuba nanko uJowabhi ebaleke waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini esibingelelweni sikaNdikhoyo. Wasuka wathuma uBhenaya unyana kaJoyada esithi: “Yiya umgwaze!”

30 UBhenaya ke waya esibingelelweni sikaNdikhoyo, wafika wathi kuJowabhi: “Ukumkani uthi: ‘Phuma apha!’ ”Kambe ke yena waphendula wathi: “Andiphumi; ndiya kufela apha.”UBhenaya ke waya kubika olo daba kukumkani, wathi: “UJowabhi uthetha ngolu hlobo; ewe, wenjenje ukuphendula.”

31 Ukumkani ke wathi kuBhenaya: “Yiya kuye, wenze njengokuthetha kwakhe. Mosele umngcwabe, ukuze mna nendlu kabawo sahlukane nobutyala ngegazi awaliphalazayo.

32 Kaloku yena wahlasela amadoda amabini wawabulala engadibananga nobawo uDavide. Omabini loo madoda, uAbhinere unyana kaNere, injengele yomkhosi wakwaSirayeli, kunye noAmasa unyana kaYetere, injengele yomkhosi wakwaJuda, ewe, omabini la madoda ayengcono enyanisekile kunaye.

33 Igazi labo malihlale phezu koJowabhi nezizukulwana zakhe naphakade, kambe ke kuDavide nezizukulwana zakhe, indlu yakhe nobukhosi bakhe, makuphumle uxolo lukaNdikhoyo ngonaphakade.”

34 Ngenene ke uBhenaya unyana kaJoyada waya wafika wamosela uJowabhi, waza ke wangcwatyelwa kumhlaba wakhe entlango.

35 Ke ukumkani wamisela uBhenaya unyana kaJoyada wayinjengele yomkhosi esikhundleni sikaJowabhi, waza endaweni ka-Abhiyatare wafaka umbingeleli uZadoki.

36 Waza ke ukumkani wathumela kuShimeyi wathi: “Zakhele indlu eJerusalem, uhlale kuyo, ungaze uphume khona uye naphi na.

37 Mhla waphuma wayiwela le ntili yeKedron, uze wazi ukuba ufile, kambe ke igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.”

38 UShimeyi uphendule ngelithi kukumkani: “Uthethe kakuhle, mhlekazi. Isicaka sakho siya kuyenza loo nto uyithethileyo, nkosi yam kumkani.” Ngenene ke uShimeyi wahlala eJerusalem ithuba elide.

39 Ke kaloku emva kweminyaka emithathu amakhoboka amabini kaShimeyi abalekela kuAkishe unyana kaMahaka ukumkani waseGati, waza ke uShimeyi waxelelwa kwathiwa: “Uyabona, amakhoboka akho aseGati.”

40 Akuyiva ke le nto, wabopha idonki yakhe, waya kuAkishe eGati, efuna loo makhoboka. Ke uShimeyi wawafumana apho eGati amakhoboka lawo, wabuya nawo.

41 Waxelelwa ke uSolomon ukuba uShimeyi uphume eJerusalem waya eGati, waza waphinda wabuya.

42 Ukumkani ke wambiza uShimeyi, wathi kuye: “Kanene ndandingakufungisanga uNdikhoyo na ndikulumkisa ndisithi: ‘Mhla waphuma usiya naphi na ngaphandle, uze wazi ukuba ufile’? Ndathi ndakutsho kuwe wena waphendula usithi: ‘Uthethe kakuhle mhlekazi; ndiya kukuthobela.’

43 Ngani ke ngoku ukuba ungasifezekisi isibhambathiso sakho kuNdikhoyo, uwuthobele nomyalelo wam?”

44 Waqhuba ukumkani wathi kuShimeyi: “Uyazazi kakuhle entliziyweni yakho zonke izinto ezimbi owazenzayo kubawo uDavide. Ngoku uNdikhoyo uza kukubuyekeza ngobugwenxa bakho.

45 Kambe ke yena ukumkani uSolomon uya kuthamsanqeleka, nesihlalo sikaDavide sohlala siluqilima phambi koNdikhoyo kude kube ngunaphakade.”

46 Ke ukumkani wayalela uBhenaya unyana kaJoyada, waza ke wamgwaza uShimeyi, wafa.Kwesi sithuba ke ulawulo lwaluseluzinzile luluqilima esandleni sikaSolomon.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22