1 Yookumkani 6 XHO96

Ukwakhiwa kwendlu kaThixo

1 Ke kaloku ngonyaka wamakhulu amane namashumi asibhozo ephumile amaSirayeli eJiputa, xa kanye uSolomon wayekunyaka wesine elawula amaSirayeli, ngenyanga yesibini uZivi, waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo.

2 Le ndlu kaNdikhoyo wayakhayo ke uSolomon ngaphakathi ubude bayo babuziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe; zazilithoba ububanzi, ukuphakama zilishumi elinesithathu nesiqingatha.

3 Igumbi lesango laliziimitha ezine ezinesiqingatha ubude, ububanzi iziimitha ezilithoba, ububanzi bulingana nobendlu ngokwayo.

4 Le ndlu ke wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa asondeleneyo.

5 Ngaphandle phaya wakha umgangatho owayame eludongeni, ujikeleza igumbi eliphambili neliphakathi, waza wakha neminye imigangatho phezu kwawo.

6 Kumgangatho ophantsi igumbi laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi; elomgangatho ophakathi laliziimitha ezintathu ububanzi; ke lona elokugqibela liziimitha ezintathu ezinesiqingatha ububanzi. Kumgangatho ngamnye udonga lwale ndlu lwalunciphile kunalo mgangatho ungaphantsi. Ngaloo ndlela ke amagumbi la ayexhathise ngodonga, imiqadi yawo inganxibelelananga neendonga ezi.

7 Xa yakhiwayo ke le ndlu amatye ayo ayeqingqelwa kulaa ndawo athathwa kuyo. Ngaloo ndlela ke kwakungasetyenziswa sando nasixozi okanye nasiphi na esinye isixhobo esingxolayo sentsimbi apho kweso siza kwakusakhiwa kuso.

8 Isango lomgangatho wangaphantsi lalikwicala langasezantsi kule ndlu; kanti ke ukuphuma apho yayingumchankcatho okhokelela kumgangatho wesibini, uphuma khona uye kowesithathu.

9 Ke uSolomon wayakha indlu leyo wayigqiba, waza wayixhoma ngemiqadi namaplanga omsedare.

10 Umgangatho owayame eludongeni wawuziimitha ezimbini ezinesiqingatha ukuphakama unxityelelaniswe nendlu ngemiqadi yomsedare.

11 Ke kaloku lafika ilizwi likaNdikhoyo kuSolomon lisithi:

12 “Ngokusingisele kule ndlu uyakhayo, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho yam wahamba ngayo, ndosifezekisa ngawe isithembiso endasenza kuyihlo uDavide.

13 Ndiya kuhlala phakathi kwamaSirayeli, ndaye ke andisoze ndibashiye abantu bam amaSirayeli.”

14 Ke uSolomon wayakha wayigqiba indlu kaThixo.

Umphakathi wendlu kaThixo

15 Ngaphakathi iindonga zale ndlu wazambathisa ngamaplanga omsedare ukusuka phantsi emgangathweni kuye kuthi xhaxhe ngesilingi, waza phantsi phaya wandlala amaplanga ompayini.

16 Entla phaya apha endlwini wenza igumbi eliphakathi ekuthiwa yingcwele kangcwele. Laliziimitha ezilithoba ubude, lakhiwe ngamaplanga omsedare asuka emgangathweni athi xhaxhe ngesilingi phezulu.

17 Igumbi eliphambi kweli ke laliziimitha ezilishumi elinesibhozo ubude.

18 Uwonke umphakathi wendlu le yayingumsedare ukroliwe wahonjiswa ngethangazana neentyatyambo. Yayingumsedare nje ngaphakathi, ungekhe ulibone ilitye lodonga.

19 Ke kaloku igumbi eliyingcwele eliya lingaphakathi kule ndlu walilungiselela ukuze kulo kuhlale ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.

20 Eli gumbi liphakathi ke lona laliziimitha ezilithoba ubude, ububanzi, nokuphakama. Umphakathi walo ke wawutyatyekwe ngegolide ecwengileyo; ukanti lona iqonga lalambathiswe ngomsedare.

21 Umphakathi wale ndlu uSolomon wawutyabeka ngegolide ecwengileyo, waza watsala amatyathanga egolide anqumleza phambi kwelaa gumbi liphakathi, nalo ke elalityatyekwe ngegolide.

22 Umphakathi wonke wawutyatyekwe kwangegolide; kananjalo neqonga elikwigumbi eliyingcwele likwatyatyekwe ngegolide.

23 Phaya kwigumbi eliyingcwele wenza *izithunywa ezimaphiko zazibini, ezenza ngomthi womnquma. Ukuphakama kwaso ngasinye kwakuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane.

24-25 Zozibini ezi zithunywa zazilingana zifana, ngasinye ke sinamaphiko amabini, phiko elo laliziimitha ezimbini ezineesentimitha ezimashumi mabini ubude. Ngoko ke umgama wokusuka kwincam yephiko ukuya kwincam yelinye wawuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane.

26 Ukuphakama kwesithunywa ngasinye bekuziimitha ezintlanu.

27 Zozibini ke ezi zithunywa zazimi zilungelelene apho kwigumbi eliphakathi. Amabini kuloo maphiko azo athe naa ayerhecana esazulwini segumbi elo, aze amanye la mabini arhece iindonga.

28 Zozibini ke ezi zithunywa wazityabeka ngegolide.

29 Iindonga zegumbi elikhulu nezegumbi eliphakathi zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, amasundu, kwaneentyatyambo.

30 Umgangatho wala magumbi wawambathisa ngegolide.

31 Emnyango wegumbi eliyingcwele kwakukho ungcango-mbini owenziwe ngamaplanga omnquma, umgubasi wona wenziwe wangunxa-ntlanu.

32 Iingcango zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, namasundu neentyatyambo. Iingcango nemihombiso yazo zazambathiswe ngegolide egudisiweyo.

33 Umgubasi womnyango wegumbi elikhulu wawakhiwe buxande, wenziwe ngomthi womnquma.

34 Kananjalo wenzelwa iingcango ezimbini zompayini ezisongwayo ngehinjisi.

35 Zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko neyamasundu neentyatyambo, yaza yonke loo nto yambathiswa ngegolide egudisiweyo.

36 Inkundla yangaphakathi wayakha yazizintlu ezintathu zamatye aqingqiweyo alandelwa luluhlu lwamaplanga omsedare ochweliweyo.

37 Ke sona isiseko sale ndlu kaNdikhoyo sabekwa ngenyanga uZivi kunyaka wesine wolawulo lukakumkani uSolomon.

38 Ke kaloku kwathi ngonyaka wakhe weshumi elinanye, kwinyanga yesibhozo uBhuli, yagqitywa ukwakhiwa indlu kaThixo – ncincililii! Ewe, yakhiwa ngokwezicwangciso ezazimisiwe. Loo msebenzi wokuyakha ke wathatha iminyaka esixhenxe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22