1 Yookumkani 7 XHO96

Ibhotwe likaSolomon

1 Kambe ke uSolomon wathatha iminyaka elishumi elinesithathu xa wayesakha ibhotwe lakhe.

2 Ibhotwe lalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon. Laliziimitha ezingamashumi amane anesine ubude balo, liziimitha ezingamashumi amabini anambini ububanzi, ukuphakama kuziimitha ezilishumi elinesithathu elinesiqingatha. Lalinezintlu ezine zeentsika zomsedare, zintsika ezo ezazixhasa imiqadi yomsedare.

3 Uphahla lwayo lwalwenziwe ngomsedare obekwe phezu kwemiqadi eyayixhaswa ziintsika. Imiqadi le yayingamashumi amane anantlanu, ilishumi elinesihlanu kuluhlu ngalunye.

4 Kwakukho izintlu ezintathu zeefestile eziphakamileyo zijongene.

5 Imigubasi yeengcango yayenziwe buxande, iminyango le izizintlu ezintathu ezijongeneyo.

6 Igumbi elilandelayo laliziimitha ezingamashumi amabini anesibini ubude, luziimitha ezilishumi elinesithathu nesiqingatha ububanzi. Ekungeneni kulo kwakukho igunjana elilisango elineentsika nevaranda.

7 Igumbi elilandelayo yayiligumbi lekumkani elalikwayinkundla yamatyala apho uSolomon wayewavavanyela khona. Iindonga zazambathiswe ngamaplanga omsedare ukusukela emgangathweni kuye kuthi gaa ngesilingi.

8 Ibhotwe lakhe apho wayehlala khona uSolomon, elalakhiwe kwiyadi esemva kwendlu yokuxoxwa kwamatyala, lalakhiwe ngokufanayo nezinye izindlu esezichaziwe. Kananjalo uSolomon wakha ibhotwe eliyelele kwelakhe, elakhela umkakhe intombi yokumkani waseJiputa.

9 Zonke ezi zakhiwo, kunye neyadikazi enkulu, zazakhiwe ngawona matye odidi oluphambili ukusuka kwiziseko zazo kuye kuthi xhaxhe ekudibaneni nophahla. La matye ayelungiselwa apho ayembiwa khona ukuze angene athi ngci ezindaweni zawo. Ayecokiswa ngeesarha ukuze afaneleke ngaphandle nangaphakathi.

10 Isiseko sasisesamatye amakhulu odidi, amanye kuwo eziimitha ezintathu ezinesiqingatha ubude, amanye ke eziimitha ezine.

11 Bekusakhiwa ngamanye amatye phezu kwawo aqingqwe alungelelaniswa kunye nemiqadi yomsedare.

12 Iindonga zeyadi yebhotwe, kwanezeyadi ephakathi yendlu *kaNdikhoyo, kwanegunjana elilisango lendlu kaNdikhoyo, zazakhiwe ngemiqolo emithathu yamatye aqingqiweyo elandelwa ngumqolo omnye weplanga lomsedare, njalo ke ukunyuka.

UHuram

13 Ukumkani uSolomon wathumela eTire ukuba kuyiwe kuthathwa uHuram,

14 onina wayengumhlolokazi wendlu kaNafetali, uyise engumTire. Lo mfo wayeyingcibi yezobhedu, elichule elinamava kuzo zonke izinto ezenziwa ngobhedu. Weza ke kukumkani uSolomon, wawenza wonke umsebenzi awunikiweyo.

Iintsika zobhedu

15 Ke kaloku uHuram lo wabumba iintsika zobhedu ezimbini, inye iziimitha ezisibhozo ukuphakama, iziimitha ezintlanu nesiqingatha jikelele.

16 Ezi ntsika wazenzela iintloko ezingqukuva ngobhedu; nganye kuzo yayiziimitha ezimbini ezinekota ukuphakama.

17 Intloko yentsika nganye wayihombisa ngamatyathanga asixhenxe alukiweyo.

18 Wazenza ngolo hlobo ke iintsika, waza kwicala langentla kula matyathanga alukiweyo wafakelela imiqolo emibini yeerharnati zobhedu ezisixhenxe.

19 Ezi ntloko zingqukuva zezi ntsika zazimile okweenyibiba, ukuphakama zinganeno kweemitha ezimbini.

20 Phezu kwezi ntloko zezi ntsika zimbini ngentla kwalaa ndawo ibusitya malunga naloo mnxeba wetyathanga kwakukho amakhulu amabini eerharnati ziyimikrozo jikelele.

21 Ezi ntsika ke wazimilisela phambi komnyango wendlu kaThixo. Le ingasekhohlo wathi nguJakin, waza engasekunene wathi nguBhowazi.

22 Iintloko zazo zazimilise okweenyibiba. Waba ke njalo uyagqitywa umsebenzi weentsika.

Ichibi lobhedu

23 Kananjalo wenza ichibi ngobhedu. Lalingqukuva, liziimitha ezimbini ezinekota ubunzulu, ububanzi buziimitha ezine ezinesiqingatha, laza ke laziimitha ezilishumi elinekota ukujikeleza.

24 Ngaphantsi komphetho walo jikelele kwakukho amathangazana. La mathangazana ayeyimiqolo emibini, eyinto enye nechibi elo.

25 Eli chibi lalimi phezu kweenkunzi zeenkomo ezilishumi elinesibini ezenziwe ngobhedu, ezintathu zikhangele ngasentla, ezintathu zijonge ngasentshona, esintathu zikhangele ngasezantsi, zaza kananjalo ezintathu zajonga ngasempuma. Ichibi lalithe ngxishi phezu kwazo, izinqe zazo zijonge embindini walo.

26 Ububanzi balo babulingana nesandla, umphetho walo ufana nekomityi, kanye oku kwenyibiba edubuleyo. Lalingena iilitha ezingamawaka angamashumi amane.

27 Kananjalo uHuram wenza neshumi leenqwelo zobhedu, nganye kuzo iyimitha eneekota ezintathu ubude, bukwangako nobubanzi, ukuphakama kuyimitha enekota.

28 Ezi nqwelo zazenziwe ngolu hlobo: zazinamanqwanqwa anxityelelaniswe nezibonda.

29 Kuloo manqwanqwa phakathi kwezibonda kwakukho iingonyama, iinkunzi zeenkomo, *nezithunywa ezimaphiko. Ngaphezulu nangaphantsi kweengonyama nezo nkunzi zeenkomo kwakujinga izidanga ezixonxiweyo.

30 Inqwelo nganye yayinamavili amane obhedu, ikwaneasi yobhedu. Kwakukho isitya esixhaswe ngezibonda ezine. Ezo zibonda zazihonjiswe ngezidanga macala.

31 Ngaphezu kwesitya kwakukho indawo ekhamisileyo ingqukuva. Ngaphezu kwenqwelo yayivele isithuba seesentimitha ezimashumi mane anesihlanu, iziisentimitha ezilishumi elinesibhozo ukuhla. Yayikroliwe jikelele. Amanqwanqwa la wona ayengoono-ne abalinganayo, engekho ngqukuva.

32 La mavili mane ayephantsi kwaloo manqwanqwa, iiasi zamavili zinxibelelene nenqwelo. Ukuphakama kwevili ngalinye kwakuziisentimitha ezingamashumi amathandathu anesithandathu.

33 Amavili la ayefana neenqwelo zonke; iasi, umphetho, izibonda zazo, ngokunjalo neenafu, zonke zazizezobhedu.

34 Inqwelo nganye yayinezibonda ezine ezinxityelelwe apha ezikoneni emazantsi.

35 Inqwelo nganye yayibotshwe ngebhanti engqukuva apha emantla, ke yona iziisentimitha ezingamashumi amabini anambini jikelele. Izibonda ezaziyixhasile, ndawonye namacala, zazinxityelelaniswe nenqwelo ngobubanzi.

36 Kananjalo wakrola *izithunywa ezimaphiko, iingonyama, nemithi yesundu apho kwezo zibonda, nakuloo macala, naphi na apho kwakukho isithuba, kujikeleziswe nezidanga.

37 Zazinjalo ke ezo nqwelo zilishumi. Zazibunjwe ngandlela-nye, ngazinye zifana zilingana.

38 UHuram wenza izitya ezilishumi, esenzela ezo nqwelo zolishumi. Isitya ngasinye sasiyimitha eneekota ezintathu ububanzi, singena iilitha ezimakhulu asibhozo.

39 Isihlanu sezo nqwelo wasibeka ngasekunene kwendlu kaThixo, esinye isihlanu sezo nqwelo wasibeka ngasekhohlo kwayo. Ke lona ichibi walibeka ngasekunene kwikona ekumazantsi-mpuma.

Impahla yendlu kaThixo

40 Kananjalo uHuram wenza neembiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Ngoko ke uHuram wawugqiba umsebenzi awayewenzela ukumkani uSolomon endlwini *kaNdikhoyo.

41 Yayiziintsika ezimbini;iintloko ezimbini ezibusitya zezo ntsika;amatyathanga alukiweyo amabini ahombise ezo ntloko zimbini zibusitya zezo ntsika;

42 iirharnati ezimakhulu mane ziyimiqolo emibini ethe nca kwityathanga ngalinye elilukiweyo elihombisa ezo ntloko zibusitya zeentsika ezo;

43 izixhaso ezilishumi zinezitya zazo ezilishumi;

44 ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;

45 iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Zonke ke ezo zixhobo zazenziwe nguHuram ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.

46 Ezo zinto ukumkani wathi mazibunjwe ngezibumbi zomdongwe kwintili yeJordan phakathi kweSukoti neZaretan.

47 USolomon zange abulinganise ubunzima bezi zinto, kuba kaloku zazininzi gqitha. Ngoko ke ubunzima bobhedu zange bulinganiswe.

48 Kananjalo uSolomon wazenza zonke iimpahla zendlu kaNdikhoyo:iqonga lamadini legolide;itafile yegolide eyayihlala isonka esinikelwa kuThixo;

49 iziphatho-zibane ezenziwe ngegolide (ezihlanu ngasekunene, ezihlanu ngasekhohlo, zimi phambi kwegumbi eliyingcwele kangcwele);iintyatyambo, izibane, nezitya zokugcina imitya yezibane;

50 izitya zegolide, izikhwezeli-zibane, izitya zokufefa, izitya zesiqhumiso, neepani zamalahle;iihinjisi zegolide zegumbi eliyingcwele kangcwele, nezo zeengcango zegumbi elingaphandle.

51 Uthe ke wakufezeka loo msebenzi uSolomon awayewenzela indlu kaNdikhoyo, wazithatha zonke ezo zinto zazinikezelwe nguyise uDavide – isiliva, igolide, nezinye izinto zokusebenza – waza ke wazifaka koovimba bendlu kaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22