38 Ndiya kuba nawe ukuba uthe wenza ngokwemithetho yam, wahamba ngokweendlela zam, wenza okuhle ngokuthobela imimiselo nemiyalelo yam njengoDavide isicaka sam. Ndiya kukwenzela isizukulwana sabalawuli esiqiniseke njengêso ndasinika uDavide; ndomnikela kuwe uSirayeli.