6 Ngaloo ndlela ke uSolomon wanxaxha ekulandeleni uNdikhoyo, akabi nako ukumnqula ngokufezekileyo uNdikhoyo njengoyise uDavide.
7 Kwinduli ekwimpuma yeJerusalem uSolomon wenza isibingelelo sikaKemoshe, isikizi lothixo wamaMowabhi, kunye noMoleki isikizi lothixo wama-Amon.
8 Wenjenjalo kubo bonke abafazi bakhe abaziintlanga ababesenza iziqhumiso benikela namadini kwizithixo zabo.
9 Ke kaloku uNdikhoyo wakhathazeka ngenxa yesi senzo sikaSolomon, kuba intliziyo yakhe yagwilika kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli owayebonakele kuye kwada kwakabini.
10 Nakuba wamlumkisayo ngokulandela oothixo abangabambi, kodwa uSolomon zange awukhathalele loo myalelo kaNdikhoyo.
11 Ngoko ke uNdikhoyo wathi kuSolomon: “Ngenxa yokuba uziphethe ngolu hlobo, usuke akwawukhathalela umnqophiso nommiselo endakuyala ngawo, ndosuka ndiwukrazule umbuso wakho, ndiwunikele kwelinye lamaphakathi akho.
12 Kambe ke, ngenxa kayihlo uDavide, le nto andiyi kuyenza ngexesha lokudla kwakho ubomi. Ndiya kuwukrazula xa sewusesandleni sonyana wakho.