19 Unanamhla ke uSirayeli usavukelene nendlu kaDavide.
20 AmaSirayeli athe asakuqonda ukuba uJerobhowam ubuyile, ambizela embizweni, aza ammisela wangukumkani kaSirayeli ephela, yaba yindlu kaJuda yodwa eyasala isephantsi kwendlu kaDavide.
21 Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli, alubuyisele ulawulo kuRehobhowam unyana kaSolomon.
22 Kambe ke kwafika eli lizwi likaThixo kuShemaya umfo wakwaThixo lisithi:
23 “Thetha noRehobhowam unyana kaSolomon ukumkani wakwaJuda, nayo yonke indlu kaJuda nekaBhenjamin, nakubo bonke abaseleyo, uthi:
24 ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu amaSirayeli. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke balithobela ilizwi likaNdikhoyo, bagoduka ngokomyalelo wakhe.
25 UJerobhowam wayixhobisa iShekem kwelo lakwaEfrayim, waza wahlala khona. Kananjalo waya kuyakha nePeniyeli.