14 waza walandela umfo wakwaThixo. Ke kaloku wamfumana ehleli phantsi komthi wom-oki, waza wathi kuye: “Unguye na laa mfo wakwaThixo uphuma kwelakwaJuda?”Yena ke wathi: “Ndinguye!”
15 Wathi kuye: “Yiza sihambe, uye kufumana into etyiwayo ekhaya.”
16 Umfo wakwaThixo waphendula wathi: “Hayi, andinako ukujika ndihambe nawe, ndingenako nokutya ndisele apha kule ndawo.
17 Ilizwi likaNdikhoyo lithe kum: ‘Phaya uze ungatyi, ungaseli nokusela, futhi ungabuyi ngendlela obe uye ngayo.’ ”
18 Loo nkonde yomshumayeli yathi: “Hayi kaloku, nam ngokwam ndingumshumayeli njengawe lo, ngoku ke isithunywa sindixelele ilizwi likaNdikhoyo, sathi: ‘Yiya kumthatha ubuye naye, eze endlwini yakho, atye asele.’ ” Kambe ke wayexoka!
19 Ngoko umfo wakwaThixo lowo wajika nayo, waza ke watya wasela apho endlwini yayo.
20 Bathe ke besahleli etafileni, ilizwi likaNdikhoyo lafikela loo nkonde yomshumayeli, le yajika umfo wakwaThixo.