3 “Mka kule ndawo, ubheke ngasempuma, uye kuzimela ngasentlanjeni iKeriti kwimpuma yomlambo iJordan.
4 Apho ke uya kusela kuloo ntlambo; futhi ke amahlungulu ndiwayalele ukuba akondle.”
5 Ngoko ke uEliya wenza ngokwelizwi likaNdikhoyo. Wahamba waya kuloo ntlambo yaseKeriti kwimpuma yeJordan, wahlala khona apho.
6 Ke amahlungulu amphathela isonka nenyama kusasa, aza amzisela isonka nenyama emalanga, esela kuloo ntlambo.
7 Kuthe ke ngokuhamba kwexesha yatsha loo ntlanjana, kuba kwakungekho mvula kwelo lizwe.
8 Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuye lisithi:
9 “Hamba uye eZarfati eSidon, uhlale khona. Nalapho ndiyalele umhlolokazi wakhona ukuba akuphe ukutya.”