6 Ke amahlungulu amphathela isonka nenyama kusasa, aza amzisela isonka nenyama emalanga, esela kuloo ntlambo.
7 Kuthe ke ngokuhamba kwexesha yatsha loo ntlanjana, kuba kwakungekho mvula kwelo lizwe.
8 Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuye lisithi:
9 “Hamba uye eZarfati eSidon, uhlale khona. Nalapho ndiyalele umhlolokazi wakhona ukuba akuphe ukutya.”
10 Ngoko ke wahamba waya eZarfati. Ekufikeni kwakhe ke esangweni lesixeko eso, wafika kukho mhlolokazi uthile echola-chola iintsasa. Wambiza waza wathi: “Khawundiphathele amanzi ngendebe ukuze ndisele.”
11 Uphinde wayaleza xa ahambayo wathi: “Uze uncede undiphathele neqhekeza lesonka.”
12 Waphendula wathi: “Ngenene, ekho nje uNdikhoyo uThixo wakho, andinaso isonka. Into ekhoyo ngumgubo ongephi osengqayini, kunye nentwana yamafutha omnquma asendebeni. Undibona ndichola-chola ezi ntsasa nje, ndenzela ukuba ndigoduke nazo, ndize ndiphekele mna nonyana wam lo, ukuze sitye sife ke emva koko.”