31 UEliya wathatha amatye alishumi elinambini, ngalinye limele indlu kwezo zizwe zikaYakobi, yena lowo wafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Igama lakho kothiwa unguSirayeli.”
32 Ngala matye wakha iqonga egameni likaNdikhoyo, waza wenza umsele walijikeleza. Lo msele wawubanzi, unokungena iilitha ezimalunga neshumi elinesine.
33 Wazilungisa iinkuni, wayixhaxha inkunzi leyo, wayibeka phezu kweenkuni ezo.
34 Waza wathi kubo: “Zalisani iingqayi ezinkulu zibe ne ngamanzi, nize niwagalele kwelo dini nakwezo nkuni.” Waza wathi: “Phindani okwesibini!” Baphinda okwesibini. Wathi: “Phindani okwesithathu!” Baphinda okwesithathu.
35 Amanzi lawo ke ehla apho eqongeni, angena kuloo msele, wazala thwahla.
36 Kwathi ke ngexesha lamadini angokuhlwa umshumayeli uEliya wasondela eqongeni, waza wathandaza wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo ka-Abraham, Thixo kaIsake, Thixo kaSirayeli, namhlanje mayaziwe into yokuba nguwe uThixo kaSirayeli, mna ke ndisisicaka sakho, nezi zinto zonke ndizenzileyo ndizenze ngokuyalelwa nguwe.
37 Ewe, ndiphendule kaloku, Ndikhoyo, khon' ukuze naba bantu bakuqonde, bakwazi, wena Ndikhoyo, ukuba unguThixo, babone ukuba wena ngoku uziguqulele kuwe iintliziyo zabo.”