1 Lithe lakufika ixesha lokunduluka kukaDavide emhlabeni, wamyalela unyana wakhe uSolomon wathi:
2 “Mna sendiza kuwushiya umhlaba. Ngoko ke wena yomelela ngokwendoda,
3 ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso *sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo.
4 Ke yena uNdikhoyo wosifezekisa isithembiso sakhe kum. Kaloku yena wathi: ‘Ukuba izizukulwana zakho zithe zaziphatha ngendlela efanelekileyo, zanyaniseka, zathembeka kum ngentliziyo yonke nangomphefumlo wonke, ngenene soze ingabikho indoda yendlu yakho kwisihlalo solawulo lwakwaSirayeli.’
5 “Ngoku ke, mfo wam, uyayazi into awandenza yona uJowabhi unyana kaZeruya, nditsho into awayenzayo kwiinjengele ezimbini zomkhosi kaSirayeli, uAbhinere unyana kaNere noAmasa unyana kaYetere. Kaloku wababulala, waliphalaza igazi labo ngexesha loxolo, kwanga kusemfazweni, wayidyobha ngalo ibhanti eyayisesinqeni sakhe neembadada ezazisezinyaweni zakhe.
6 Into omawuyenze kuye wozibonela ngokobulumko bakho, kodwa uze ungamyeki afe ngenxa yokwaluphala, aze aye engcwabeni enoxolo.
7 “Kodwa ke uze wenze ngezibele koonyana bakaBhazilayi waseGiliyadi. Bona mababe phakathi kwâbo batya kunye nawe esithebeni sakho. Kaloku babengakum ngokuya ndandibaleka umntakwenu uAbhasalom.