2 Wathumela abathunywa apho esixekweni kukumkani uAhabhi wakwaSirayeli, esithi: “Mna Bhenadadi ndithi:
3 ‘Loo siliva naloo golide yakho yeyam ngoku; nezona nzwakazi zabafazi ngabam, ngokunjalo nabantwana.’ ”
4 Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli esithi: “Kanye njengoko sewutshilo, mhlekazi kumkani; xa sisonke nje singabákho, nako konke esinako.”
5 Zabuza kwakhona izithunywa ezo zisithi: “UBhenadadi uthi: ‘Bendithumele ndifuna isiliva negolide nabafazi bakho nabantwana.
6 Kodwa ngomso malunga neli xesha ndothumela amagosa am aligqogqe ibhotwe lakho kunye nezindlu zamaphakathi akho. Aya kubutha yonke into oyixabisileyo, emke nayo.’ ”
7 Ke ukumkani wakwaSirayeli wawabiza onke amadoda amakhulu elizwe lakhe, wathi: “Niyambona lo mfo; uzingelana nenkathazo! Ngokuya ebethumele efuna isiliva negolide, abafazi nabantwana bam, khange ndale.”
8 Aphendula ke amadoda amakhulu nabantu xa bebonke bathi: “Hayi suka, sukuyiphulaphula le nkewu le; nezo zinto izifunayo sukuvuma nazo!”