2 UAhabhi wathetha noNabhoti, wathi: “Esi sidiliya sakho sikufuphi kakuhle kum; bekunganjani xa undinika sona, ukuze ndizilimele imifuno kuso? Endaweni yaso ndingakunika isidiliya esibhetele kunene kunaso, okanye ke xa uthanda ndingakuhlawula nantoni na esixabisa yona.”
3 UNabhoti waphendula wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo, nakanye ukuba ndikunike ilifa loobawo!”
4 Ngoko ke uAhabhi wagoduka equmbe esisifu kuba uNabhoti waseYizereli ethe: “Andinako ukukunika ilifa loobawo.” Wangqengqa emandlalweni wakhe, wafulathela, engafuni nokutya oku.
5 Umkakhe uJezebhele waya kuye, wathi: “Uqumbele ntoni, sewungasafuni nokutya oku nje?”
6 Wathi: “Kungenxa yokuba ndithethe noNabhoti waseYizereli, ndathi: ‘Ndithengisele isidiliya sakho, okanye ke ndikutshintshisele ngesinye.’ Kambe ke yena uthe: ‘Andinako ukukunika isidiliya sam.’ ”
7 Umkakhe uJezebhele wathi kuye: “Asinguwe na olawulayo kwaSirayeli? Suka, wethu, phakama udle! Khululeka wonwabe! Mna ndiza kukulungiselela, usifumane esiya sidiliya sikaNabhoti waseYizereli.”
8 Ngoko ke wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina kwangomsesane wakhe, waza wazithumela kumadod' amakhulu nezidwangube ezazihlala kweso sixeko sikaNabhoti.