21 Ngoko ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiza kukuzisela ububi. Ndiza kuyitshitshisa inzala yakho, kwa-Ahabhi ndiyinqamle yonke into eliduna, okhululekileyo nolikhoboka kwaSirayeli.
22 Indlu yakho ndoyifanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati, ifane naleyo kaBhayesha unyana ka-Ahiya, kuba kaloku wena uwuxhokonxile umsindo wam, noSirayeli wamlukuhlela esonweni.’
23 “Malunga noJezebhele uNdikhoyo uthi: ‘UJezebhele uya kuqwengwa zizinja ngakudonga lwaseYizereli.’
24 “Abakwa-Ahabhi abafela ezixekweni baya kudliwa zizinja, ukanti abafela emaphandleni booxhwithwa ziintaka.”(
25 Akuzange kubekho mntu unjengoAhabhi, umfo ozincamele ekwenzeni amanyondololo ephenjelelwa ngumkakhe uJezebhele, engamkhathalele nganto uNdikhoyo.
26 Wayeziphethe ngeyona ndlela imasikizi, ethene nca nemifanekiso eqingqiweyo; nto leyo yayisenziwa ngama-Amori, abantu abagxothwayo nguNdikhoyo, waza wafaka amaSirayeli endaweni yawo.)
27 Akuweva loo mazwi uAhabhi wasuka wazikrazula iimpahla zakhe, wanxiba ezirhwexayo, wazila. Wahlala ngezo zirhwexayo, wahamba-hamba ematshekile.