4 Ngoko ke uAhabhi wagoduka equmbe esisifu kuba uNabhoti waseYizereli ethe: “Andinako ukukunika ilifa loobawo.” Wangqengqa emandlalweni wakhe, wafulathela, engafuni nokutya oku.
5 Umkakhe uJezebhele waya kuye, wathi: “Uqumbele ntoni, sewungasafuni nokutya oku nje?”
6 Wathi: “Kungenxa yokuba ndithethe noNabhoti waseYizereli, ndathi: ‘Ndithengisele isidiliya sakho, okanye ke ndikutshintshisele ngesinye.’ Kambe ke yena uthe: ‘Andinako ukukunika isidiliya sam.’ ”
7 Umkakhe uJezebhele wathi kuye: “Asinguwe na olawulayo kwaSirayeli? Suka, wethu, phakama udle! Khululeka wonwabe! Mna ndiza kukulungiselela, usifumane esiya sidiliya sikaNabhoti waseYizereli.”
8 Ngoko ke wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina kwangomsesane wakhe, waza wazithumela kumadod' amakhulu nezidwangube ezazihlala kweso sixeko sikaNabhoti.
9 Wenjenje ukubhala kwezo ncwadi: “Miselani usuku lwenzila, abantu nibaqokelele ndawonye, ke yena uNabhoti nimbeke kwindawo ephambili.
10 Malunga naye makuhlale iindlavini ezimbini eziya kuthi zimtyhole, zithi: ‘Wena uthuke uThixo kunye nokumkani!’ Kwakuba njalo ke, mthatheni, nimkhupele ngaphandle, nize nimgibisele ngamatye ade afe.”