6 Wathi: “Kungenxa yokuba ndithethe noNabhoti waseYizereli, ndathi: ‘Ndithengisele isidiliya sakho, okanye ke ndikutshintshisele ngesinye.’ Kambe ke yena uthe: ‘Andinako ukukunika isidiliya sam.’ ”
7 Umkakhe uJezebhele wathi kuye: “Asinguwe na olawulayo kwaSirayeli? Suka, wethu, phakama udle! Khululeka wonwabe! Mna ndiza kukulungiselela, usifumane esiya sidiliya sikaNabhoti waseYizereli.”
8 Ngoko ke wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina kwangomsesane wakhe, waza wazithumela kumadod' amakhulu nezidwangube ezazihlala kweso sixeko sikaNabhoti.
9 Wenjenje ukubhala kwezo ncwadi: “Miselani usuku lwenzila, abantu nibaqokelele ndawonye, ke yena uNabhoti nimbeke kwindawo ephambili.
10 Malunga naye makuhlale iindlavini ezimbini eziya kuthi zimtyhole, zithi: ‘Wena uthuke uThixo kunye nokumkani!’ Kwakuba njalo ke, mthatheni, nimkhupele ngaphandle, nize nimgibisele ngamatye ade afe.”
11 Amadod' amakhulu nezidwangube ezo ke zeso sixeko sikaNabhoti zenza njengoko zaziyalelwe nguJezebhele kwezo ncwadi wayezibhalile.
12 Bamisa usuku lwenzila, baza ke uNabhoti bambeka endaweni ephambili.