13 Ke isigidimi esasiphuthume uMika sathi kuye: “Uyabona ke, abanye abashumayeli batsho ngazwi-nye kukumkani ukuthi uza kuphumelela. Nawe ke uze ungaphikisani nabo, koko uthethe okuhle.”
14 UMika ke yena wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ndiza kuthetha kuphela loo nto andixelela yona uNdikhoyo!”
15 Akuba efikile ke, ukumkani wathi kuye: “Mika, singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”UMika wathi: “Phakathi! Yihlasele; uya kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani!”
16 Ukumkani wathi kuye: “Koda kube kangaphi ndikufungisa ndisithi musa ukundixelela nto yimbi ngaphandle kwenyaniso egameni likaNdikhoyo?”
17 UMika wathi: “Ewe, uSirayeli ndimbone ethe saa ezintabeni, engathi ziigusha ezingenamalusi; waza uNdikhoyo wathi: ‘Aba bantu abanankosi, ngoko ke elowo nalowo makagoduke ngoxolo.’ ”
18 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Bendingatshongo na kuwe ukuba lo mfo akaze ashumayele nto intle ngam, koko zezimbi zodwa!”
19 Ke uMika waqhuba wathi: “Ngoko ke liveni ilizwi likaNdikhoyo. UNdikhoyo ndimbone ehleli esihlalweni sakhe, ephahlwe ngumkhosi wonke wasezulwini, umi ngasekunene nangasekhohlo kwakhe.