37 Waba ke ngaloo ndlela ukumkani wakwaSirayeli uyafa. Waza ke wasiwa eSamariya, wangcwatyelwa khona.
38 Loo nqwelo wayekuyo yahlanjwa kwichibi elithile apho eSamariya (kwelo chibi ke kwakuhlambela kulo amahenyukazi). Ke zona izinja zalixhapha elo gazi lakhe ngokwelizwi awayelithethile uNdikhoyo.
39 Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahabhi nezenzo zakhe, nelo bhotwe walakhayo walihombisa ngamabamba eendlovu, kunye nezixeko awazinqabisayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
40 UAhabhi waya kuphumla kooyise, waza ke unyana wakhe uAhaziya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
41 Ke kaloku uYoshafati unyana ka-Asa waba ngukumkani kwaJuda kunyaka wesine uAhabhi engukumkani wakwaSirayeli.
42 Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu nantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili.
43 Ngako konke yena wahamba ekhondweni likayise uAsa, akanxaxha konke. Ewe, wayesenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu bawaqhubela phambili amadini ababewenza khona ndawonye neziqhumiso.