2 Kambe ke bona abantu amadini babesawenzela ezindulini, kuba belingekakhelwa indlu igama likaNdikhoyo ngelo xesha.
3 USolomon ke wabonakalisa ukumthanda uNdikhoyo, kuba wayehamba ngokwemimiselo kayise uDavide, ngaphandle nje kwento yokuba wayesenza amadini neziqhumiso ezindulini.
4 Ukumkani waya eGibheyon, esiya kwenza amadini, kuba leyo yayiyeyona nduli ibalulekileyo, waza ke uSolomon wenza iwaka lamadini atshiswayo apho eqongeni.
5 Ke kaloku apho eGibheyon uNdikhoyo wabonakala kuSolomon ephupheni ebusuku, wathetha wenjenje: “Cela nantoni na ofuna ndikuphe yona.”
6 USolomon waphendula wathi: “Wena wasenzela ububele obukhulu isicaka sakho ubawo uDavide, ngenxa yokuba wayethembekile kuwe elilungisa, umfo ontliziyo ithe tse. Ezo zibele zakho ke uziqhubele phambili kwada kwanamhlanje, kuba umnike unyana ukuze achophe esihlalweni sakhe.
7 Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wam, isicaka sakho esi usenze ukumkani, wandibeka endaweni kabawo uDavide. Kambe ke bendingubani na, ndiyimveku engazi nto nje! Ewe, andazi nendlela endingawuqhuba ngayo lo msebenzi wam.
8 Ewe, isicaka sakho esi siphakathi kwabantu obanyulileyo, ihlokondiba labantu abayinyambalala engenakubalwa.