17 kwaIsakare yayinguJoshafati unyana kaParuwa;
18 kwaBhenjamin yayinguShimeyi unyana kaEla;
19 eGiliyadi (kuloo mhlaba kaSihon ukumkani wama-Amori, kunye nomhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan) yayinguGebhere unyana kaUri; yena wayeyedwa kweso sithili.
20 Ke kaloku abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli babebaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; babonwabile besitya besela.
21 Ke yena uSolomon wazilawula zonke izikumkani ukusukela kumlambo iEfrati ukuya kuthi xhaxhe ngelamaFilistiya, aye kuthi xhaxhe kumda waseJiputa. Xa zizonke ke ezo zizwe zaziphantsi koSolomon, zinikela imirhumo kuye bonke ubomi bakhe.
22 Isixhaso sakwaSolomon semini nganye yayingamawaka amahlanu eelitha zeflawa ecolekileyo, neshumi lamawaka eelitha zomgubo wengqolwa;
23 ishumi leenkabi zeenkomo ezityetyisiweyo, namashumi amabini eenkomo ezondliwa emadlelweni; ikhulu leegusha, ngaphandle kwamanxala namabhadi namanqa neenkuku zodidi.